Discover millions of ebooks, audiobooks, and so much more with a free trial

Only $11.99/month after trial. Cancel anytime.

Bavumeleni abantwana beze kum
Bavumeleni abantwana beze kum
Bavumeleni abantwana beze kum
Ebook137 pages1 hour

Bavumeleni abantwana beze kum

Rating: 0 out of 5 stars

()

Read preview

About this ebook

Le ncwadana iqulathe umba wokuba yintoni elindeleke emntwini ukuze kuthiwe uzalwe ngokutsha. Ithatha izigaba zokuphila komntu ukusuka ekuzalweni, ekulungiselelweni ngaphambi kokuba azalwe. Ihamba njalo ke ithethe ngokudityaniswa komntwana lowo nonina, lento amakhumsha athi yiBonding. Ukusuka apho umntwana uyahlanjwa, anxitywe, ondliwe. Uyakhula ke lo mntwana esenjenjalo ukuhlala, ukuma, ukuthetha. Xa sithetha ngokuthetha sithetha nangokuthandaza, sibeka ukuba hlobo luni lokuthandaza esalifundiswa nguYesu Krestu. Xa selemdala lo mntwana umelwe atshate nomyeni okwanguYesu Krestu. Zibe ziyaphela njalo izigaba zokukhula ngaphambi kokuba afe ezonweni.

LanguageXhosa
Release dateMay 29, 2020
ISBN9780463934050
Bavumeleni abantwana beze kum
Author

Monwabisi Mgulwa

My graduate studying of Psychology, Sociology, Socio- Cultural Anthropology and Philosophy contributed strongly to the choice of my writings.Applied research directed the unveiling of facts and truths regarding AmaHlubi Culture and in the attempt to destroy the religious organization Church of God and Saints of Christ which was established by Prophet Enoch Mgijima. Philosophy questioning and reasoning serves as background for the book Umongo Womphefumlo (The Gist of the Soul).Study of Human Resources and Business Management and Labour law influenced Isikhokhelo Esisebenzisekayo Solawulo Olufanelekileyo (Practical Guide of Effective Management) which is the latest eBook published.The rest of my writings stem from the love of literature.

Read more from Monwabisi Mgulwa

Related to Bavumeleni abantwana beze kum

Reviews for Bavumeleni abantwana beze kum

Rating: 0 out of 5 stars
0 ratings

0 ratings0 reviews

What did you think?

Tap to rate

Review must be at least 10 words

    Book preview

    Bavumeleni abantwana beze kum - Monwabisi Mgulwa

    Bavumeleni abantwana beze kum

    Ibhalwe ngu M.D. Mgulwa

    Published by M.D. Mgulwa at Smashwords.

    Copyright Mgulwa MD 2020

    All rights reserved. No part of this ebook may be reproduced or transmitted either electronically or mechanically without written authorisation by the author

    Smashwords Edition, License Notes:

    This ebook is licensed for your personal enjoyment only. This book may not be re-sold or given away to other people. If you would like to share this book with another person, please purchase an additional copy for each recipient. If you’re reading this book and did not purchase it, or it was not purchased for your use only, then please return to your favorite ebook retailer and purchase your own copy. Thank you for respecting the hard work of this author.

    Isalathiso

    i.Intshayelelo

    ii.Umbulelo

    1.Bavumeleni abantwana beze kum

    2.Uyazalwa

    3.Amalungiselelo

    4.Ukukhala

    5.Ukudityaniswa komntwana nonina

    6.Uyahlanjwa

    7.Makatye

    8.Uyakhula

    9.Uyahlala

    10.Ukuma

    11.Ukuhamba

    12.Uyanxityiswa

    13.Ukuthetha

    14.Ubudala

    15.Uyatshata

    16.Uyafa

    i.Intshayelelo

    Bazalwana bam eNkosini.

    Ndithi mandinandlalele lo myalezo ndiwuphathisiweyo. Ewe wona ndawuphathiswa ngonyaka ka-2000, kodwa ngenxa yeemeko kube kukhona ndiwandlalayo kuni emva kweli xesha lide kangakanana. Andisoli nto ke noko kuba ndinenkolelo yokuba licebo lwaLowo undiphathisileyo ukuba makube kukhona ipapashekayo.

    Isityhilelo sesi sihloko sathi gqi ndingenamanakani mna kwaye nezihlokwana zaso ndikwacingiswe kwanguYe.

    Le ngxoxo ingomntwana, umntwana kaYehova. Noko kunjalo ndihambe ngokwezigaba zokukhula komntwana. Mandingaziphindi ke kuba zizo ezi zifumaneka kwisalathiso.

    Ndicela nokunazisa ukuba le ncwadana ayinazo izahluko. Oko kuqulathwe kwisalathiso kubonisa izigaba zokukhula komntwana kwaye apha phakathi encwadini zibhalwe ngqindilili ukuze ubenako ukuqaphela ukuba ndithetha ngesinye isigaba.

    Owenu ngenene.

    Monwabisi Mgulwa

    Kamastone Village

    Komani

    29 Canzibe 2020

    ii.Umbulelo

    Ndisuke ndaphelelwa ngamazwi okubonga uBawo wethu osezulwini ngokundipha iingcinga ezinzulu kangakanana nokuba enze ukuba ndizibhale kwaye ndizipapashe.

    Andinalo ixhala lokusoloko ndibulela kwinkosikazi yakowethu, uMawushe, Mjoli, Godla, ngenkxaso ehleli ikho nonyamezelo lokuncama ixesha lakhe.

    Kukwangokunjalo ke nakubantwana. Ningadinwa nangomso.

    Bavumeleni abantwana beze kum ningabaleli, ngokuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo" (UMarko 10:14)

    Inguqulelo entsha yeBhayibhile yona iyibeka ngolu hlobo: Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba abalawulwa nguThixo ngabanjengabo (UMatewu 19:14).

    Intsingiselo yezi nguqulelo zombini inye. Zahluka nje ngendlela eziyibeka ngayo. Umzekelo xa usithi ubukumkani bamazulu kuthetha into enye nokuthi abalawulwa nguThixo. Ebukumkanini bamazulu kulapho kulawula khona uKumkani wamazulu

    Makhe ke singene emxholweni. Ukuxambulisana ngentsingiselo akuzukunceda bani nganto. Nditsho ukuthi nokuba ndiyavuma okanye ndiyala ukuba intsingiselo yezi zicatshulwa iyafana okanye yahlukile loo nto ayizukundisa ebomini obungunaphakade okanye kwantshabalala. Kodwa ukuba umxholo andiwubambi loo nto ingandikhokelela kwantshabalala, ukuba ndiyawubamba iyakundikhokelela ebomini obungunaphakade.

    Kuqala mandenze isiqinisekiso sokuba ifihlakele kuthi ukuba aba bantwana kuthethwa ngabo babebudala bungakanani. Ingaba babeneveki bezelwe okanye babeneshumi elinesibhozo leminyaka?

    Kwakhona oko akubalulekanga. Akubalulekanga futhi ukuba ngabantwana kwabo. Into ebalulekileyo esiyifumanayo bubunjani bobuntwana babo. Kaloku uYesu uthi ubukumkani bukaThixo bobabantu abanjengabantwana. Okanye ke mandithi abalawulwa nguThixo banjengabantwana.

    Makhe sibuze ke sithi: Banjani abantwana?

    Ngezantsi apha sizakusombulula isintsompothi sokuba abantwana aba banjani kakade.

    Okokuqala umntwana uyazalwa. Akukhathalisekanga nokuba bazalwa njani na, nokuba kungendlela yendalo okanye umthungo, kodwa okusalayo bayazalwa. Leyo ke yingqalo yale nto kuthiwa ngumntu.

    Ngabusukwazana buthile umfo othile owayengumlawuli wabagcini mthetho kaThixo wachwechwela uYesu Krestu. Okanye mandithi wayengumfundisi womthetho kaYehova ngokubhalwa nguMosisi. Lo mfo wayenomnqweno wokulawulwa nguThixo kodwa eqonda ukuba ikho into asilela kuyo. Akuba ebuze uYesu ukuba angenza njani na ukuze alawulwe nguThixo, uthi uYesu kuye: Inene, inene ndithi kuwe, Ukuba akathanga umntu azalwe ngokutsha, akanakububona ubukumkani bukaThixo (Yohane 3:3).

    Yabangumnqa loo mpendulo kule ndoda, ingaqondi ukuba uYesu uthetha ukuba kufuneka iguqule indlela yayo ukuze ilungele ukulawulwa nguThixo.

    Kaloku ubani nobani uzalelwe esonweni (Iindumiso 51:5). Ngubani ke ngoko onokuziqhayisa ukuba yena wazalwa enyulu okanye engcwele ingenguye uYesu Krestu, unyana kaThixo? Kodwa kwaYesu lowo wazidela wathi ‘ungathi ndilungile kuba nguBawo kuphela olungileyo’.

    Xa ke ngoko sizalwe sigwenxa kwaye singaboni, simelwe kuzikhupha kweso simo ukuze silungele ukulawulwa nguThixo. Singakwenza njani oko? Ngokuthi sizalwe ngokutsha.

    Sizalwa njani ngokutsha?

    Nanjengoko wayibona inzima uNikodimo into yokubuyela esizalweni sikanina, nakubani na yimeko enzima leyo. Ngoko ke xa singenakukwazi ukubuyela esizalweni ngenyama negazi kumelwe ukuba ikho into apha kuthi enokukwazi ukukwenza oko. Loo nto ke ngumoya lo ulapha kuthi. Naxa umoya olapha kuthi angasibuyisela esizalweni somama bethu oyena nozala unguye nowomoya ekumelwe ukuba sibuyele esizalweni sakhe ngomoya nguYehova uThixo.

    Kaloku uThixo ungumoya (Yohane 4:24). Njengokuba engumoya nje uThixo nabantwana abazalayo baba ngumoya (KwabaseRoma 8: 14-17)

    Ndicela ukuba undive kakuhle kwangoku ndisaqala ukuze singaphosani kwalapha ekuqaleni, hleze singabuye sibambane okuye sisiya phambili. Andithi xa umntu ezalwa nguThixo uyayeka ukuba ngumntu koko ujika abengumoya. Hayi anditsho, ntonje ndithi xa uzalwa nguThixo uMoya oyiNgcwele usebenza kuwe ze wena uve ifuthe lokusebenza kwalo Moya ngokuthi wenze imithetho kaThixo kwaye ufumane iintsikelelo kwangalo moya (1KaYohane 4:4).

    Isizathu sokuba sikwazi ukufumana eli futhe kungokuba xa singumoya sikwimo yokuqhakamshelana noMoya kaThixo, uMoya oyiNgcwele (1 KwabaseKorinte 2:10-15). Xa silandela esi sicatshulwa sifumanisa ukuba kuqala umbhali uqale achaze ngobume bomoya ngakumbi izinto anako ukuzenza umoya. Okokuqala uyayazi into yokuba umntu ngamnye ophilayo unomoya. Umoya womntu ngamnye nguwo ozaziyo zonke izinto azenzayo loo mntu, ezincinci nezinkulu, ezimbi nezintle. Omnye umntu akakwazi ukuzazi izinto ezaziwa ngumoya womnye umntu ngaphandle kokuba ibenguloo mntu ochazayo ukuba wazi ntoni na umoya wakhe. Ngeli xesha amchazelayo ngolwazi lomoya wakhe uqhakamshela umoya wakhe nowalo mntu amchazelayo ukuze umoya wakhe wazi into eyaziwa ngumoya walo mntu uchazayo.

    Okanye mandiyithethe ngokungathi ndim lo uchazela wena ngam. Xa ndikuchazela into ngam ndikuchazela into umoya wam oyaziyo ngam kuba yonke into yam yaziwa ngumoya wam, nokuba intle, imbi, incinci okanye inkulu. Ukuba ndinendawo ngakuwe, ngumoya wam oyaziyo loo nto. Ukuba ndiyakuthanda, ngumoya wam oyaziyo loo nto. Xa ndikuxelela ukuba ndinendawo ngakuwe okanye ndiyakuthanda ndikuxelela into elapha kum eyaziwa ngumoya wam. Xa ndikuchazela ngam umoya wakho uqhakamshelana nomoya wam ukuze umoya wakho wazi into obungayazi ngam ngokuchazelwa ngumoya wam. Loo nto yenzeka kuba iimfihlelo zam zaziwa ngumoya wam, kwaye wena awunakuzazi ngaphandle kokuba umoya wakho uqhakamshelane nomoya wam. Nokuba ngaba ndinomona ngawe okanye ndiyakuhleba okanye ndikucingela kakubi okanye ndikunqwenelela okubi okanye ndikwenzela iyelenqe, loo nto yaziwa ngumoya wam.

    Kungoko athi lo mbhali ngumoya womntu ozaziyo iimfihlelo zomntu lowo.

    Ithi ke lento nqwa nomoya kaThixo, nguwo ozaziyo iimfihlelo zikaThixo. Ukuze mna ndizazi iimfihlelo zikaThixo kufuneka umoya wam uqhakamshelane

    Enjoying the preview?
    Page 1 of 1