Discover millions of ebooks, audiobooks, and so much more with a free trial

Only $11.99/month after trial. Cancel anytime.

Amasiko nezithethe zamaHlubi
Amasiko nezithethe zamaHlubi
Amasiko nezithethe zamaHlubi
Ebook434 pages12 hours

Amasiko nezithethe zamaHlubi

Rating: 3.5 out of 5 stars

3.5/5

()

Read preview

About this ebook

Abantu abaliqela abayibambi kakuhle intsingiselo yesiko. Bambi bade bacing' ukuba izinto ezenza isiko (cultural elements) bubuqu besiko. Le ncwadi inika ulwazi oluthe vetshe lokuba liyini na isiko, zintoni ezenza isiko kwaye yintoni amabakala esiko. Inika imizekelo, ibuye isekele loo mizekelo kumasiko ambalwa esizwe samaHlubi nokuba afuthelwe njani ngawezinye izizwe ngakumbi amaNgesi.

LanguageXhosa
Release dateMay 20, 2020
ISBN9780620710459
Amasiko nezithethe zamaHlubi
Author

Monwabisi Mgulwa

My graduate studying of Psychology, Sociology, Socio- Cultural Anthropology and Philosophy contributed strongly to the choice of my writings.Applied research directed the unveiling of facts and truths regarding AmaHlubi Culture and in the attempt to destroy the religious organization Church of God and Saints of Christ which was established by Prophet Enoch Mgijima. Philosophy questioning and reasoning serves as background for the book Umongo Womphefumlo (The Gist of the Soul).Study of Human Resources and Business Management and Labour law influenced Isikhokhelo Esisebenzisekayo Solawulo Olufanelekileyo (Practical Guide of Effective Management) which is the latest eBook published.The rest of my writings stem from the love of literature.

Read more from Monwabisi Mgulwa

Related to Amasiko nezithethe zamaHlubi

Related categories

Reviews for Amasiko nezithethe zamaHlubi

Rating: 3.5 out of 5 stars
3.5/5

4 ratings0 reviews

What did you think?

Tap to rate

Review must be at least 10 words

    Book preview

    Amasiko nezithethe zamaHlubi - Monwabisi Mgulwa

    Inzwi, maHlub’ amahle! Ndiboleken’ iindlebe khe ndinityhilel’ iimfihlelo zakowethu. Ndithe ndakubona intlekele ejinga phezu kwesizwe sethu samaHlubi ndaziva ndingenakuthula, ndingenakuval’ amehlo ngathi andiboni.

    Ngxatsho ke nto zoobawo! AmaHlubi amaninzi, azazi engamaMfengu, abanye bezazi bengamaZulu, kanti abanye bebezazi bengamaHlubi kodwa bengazi ukuba kuthetha ntoni oko.

    Ngenxa yezi zizathu ndibone ukuba makhe ndigushu-gushuze ndikhangel’ ukuba akungebi kukho lwazi endinokulufumana malunga nesi sizwe. Andifuni ke ukuthi ndenze uphando kuba ligama elikhulu elo elifanele abantu balo. Iindaba ezimnandi kum kukuba andibuyanga nemband’ esikhova.

    Le ncwadana ke iqulathe ulwazi, gxebe ingxelo ngolwazi, malunga nesizwe samaHlubi.

    Impembelelo yeli nqakwana isuswe sisikhwele sokungafuni ukodlulwa nguMateyu wakudala xa ebhala ngomlibo kaYesu Krestu. Kanti ke asinguye yedwa uMateyu owavukelwa likhwele lokulanda umlibo. Jonga ezaa ncwadi zokuqala zisithoba zeziKronike. Ke mna bendingubani ukuba andingebhali ngembali yamaHlubi xa ndibabalwe ngefuthe lokwenza oko?

    Le ncwadana izama ukuphosa ilitye esivivaneni kwimisebenzi eyenziwa ngabangaphambili ukuzama ukubuyisela ubuHlubi emaHlubini. Nakubeni ezona njongo zayo ikukuvuselela izazela nolwazi ngendlela ekumelwe enziwe ngayo amasiko amaHlubi, siqala ngokukhangela ukuba sithetha ngabani xa sithetha ngamaHlubi.

    Ukuya kumbandela wesiko siqale sijonge ukuba sithetha ngantoni xa sithetha ngesiko gabalala. Apho ke sijonga neenguqu ezithe zenzeka ekwenzeni okanye ekulandeleni amasiko ethu. Ukusuk’ apho sijonga amasiko ambalwa nje.

    Ngxatsho ke nto zobawo! Ikhwelo lityala!

    Ndingowenu ozithobileyo

    Monwabisi Douglas Mgulwa.

    Kamastone

    Komani (Queenstown)

    Canzibe (May) 2020

    ii.Umbulelo

    UMdali wam ngumgcini wam! Ukuba ebengekho ngekungakhange kufike kwa ingcinga le ethe mandidibanise amagama ndenze eli nqakwana. Ndiyambulela kuba endithandile.

    UWushe, uMjoli, uGodla, uMaphalala! Yinkosikazi yakowethu ke leyo. Ukuba ibingekho ndiqinisekil’ ukuba ngekungekho kwa le migca ndiyenzileyo. Kaloku ulikhubalo lam elindigcina ndilolekile ekuqiqeni.

    Abantwana bethu, abantakwethu nezihlobo ndiqinisekile bayabona ukuba ixesha ebekumelwe ndikunye nabo andilichithelanga ekudlaleni.

    AmaHlubi akowethu asuka kwiziphaluka ngeziphaluka ebeman’ ukundintyontyela ukuba ndenze le miqolwana ndiyawabulela.

    Omnumzana Henry Masila Ndawo, ongasekhoyo, Selby Bongani Hadebe kunye no-Absalom Muziwethu Mthethwa kunye nabanye endingenakubagqiba. Imbali yenu ngamaHlubi indivul’ amehlo ndatsho ndabona ebekukade ndikujongile kodwa ndingakuboni. Ukwanda kwaliwa ngumthakathi!

    Umnumzana Odwa Sogoni kunye nomnumzana Sonwabo Mazinyo abathe bantyontyela bebonisa ukudingeka kwale ncwadana. Ndiyanibulela maHlub’amahle.

    Ndingamshiya njani uPhila Gaga, umaNkomo, oqaphele ukuba uDlamini akakho kuluhlu lweziduko zamaHlubi.

    Kowayesakuba ngutitshala wam umnumzana Nguta ndithi ‘Huntshuu! Uloyisoo!’ njengoko wawusakutsho.

    1.Inqakwana ngembali yamaHlubi

    Zininzi iimbali ezibaliswa ngesizwe samaHlubi. Zimbi zifumaneka ngokubaliswa ngomlomo ekubeni ezinye zibhalwe kwiincwadi ezithile.

    AmaHlubi sisizwe hayi isiduko.

    Isizwe samaHlubi siphangalele sathi saa. Nakubeni iinjongo zale ncwadana zikukunamathela kumaHlubi akwaRadebe kungumnqweno ukulanda imbali yesizwe samaHlubi jikelele.

    AmaHlubi ngabantu abaneziduko ngeziduko ezahlukeneyo kodwa babe beluhlanga lwamaHlubi okanye isizwe samaHlubi. Umbhali wakudala nowayengumphandi wemvelaphi yesizwe samaHlubi uMnumzana H.M. Ndawo ulenzile igalelo lokudwelisa iziduko zamaHlubi njengoko kubhalwe ngezants’ apha:

    1. Dakana

    2. Dinwa

    3. Dladla

    4. Dlamini

    5. Dlomo (Dhlomo)

    6. Dongwe

    7. Dontsa

    8. Duma

    9. Gambu

    10. Gatyeni

    11. Hlangebi

    12.Hlatywayo

    13.Jali

    14.Khambule - Mncube

    15.Khasibe

    16.Khesa

    17.Khumalo

    18.Langa

    19.Lubelo

    20.Ludwala

    21.Mabaso

    22.Maduna

    23.Makhunga

    24.Maphetha

    25.Mashiyi

    26.Masingila

    27.Masoka

    28.Mayaba

    29.Mazibuko

    30.Mbambo

    31.Mbanjwa

    32.Mbongwe

    33.Mdluli

    34.Miya

    35.Mkhwane

    36.Mlandu

    37.Mnguni

    38.Mntambo

    39.Mpangela

    40.Mpila

    41.Msi-Skhosana

    42.Msimanga

    43.Mtungwa

    44.Mvemve

    45.Mvulane

    46.Nala-nzima

    47.Ndaba

    48.Ndana

    49.Ndlangisa

    50.Ndlela

    51.Ndlovu (Ndhlovu)

    52.Ndumo

    53.Ngcobo

    54.Nkala

    55.Nkomo

    56.Nkosi

    57.Nkwali-Maphela

    58.Ntambo

    59.Ntethe

    60.Ntlaphu

    61.Phakathi

    62.Radebe (Hadebe)

    63.Sibalukhulu

    64.Sibiya

    65.Sithole

    66.Shandu kaNdaba

    67.Shweme

    68.Thuse

    69.Tolo

    70.Tshabalala

    71.Tshabangu

    72.Vundle

    73.Xaba

    74.Xolo (Manci)

    75.Zengele-Thiyani

    75.Zondi

    77.Zulu-Radebe

    Olu luhlu akusukuba luzichaze zonke iziduko zamaHlubi. Kaloku angangentlabathi yoNdi noThukela. Kwakhona bekukho ezinye iziduko athe waziphawula ngophawu lwenkwenkwezi umnumzana HM Ndawo ngelithi ngabo bafikayo emaHlubini befudula bengengawo amaHlubi. Andibonanga kuyimfuneko ukwenza olo phawu kuba iluphando lwexesha lakhe ekukho ulwazi olongezelekileyo kutshanje. Ukongeza ke zikho nezinye iziduko ebezingekho kuluhlu lwakhe endibone ukuba mandizongeze, ngokufuthelwa ngamanye amaHlubi abone zingekho iziduko zawo. Nalapho andinakuzingomba isifuba ndithi ndizigqibile. Kwabo zithe zaphosakala ezabo ndithi ngxee. Nakubeni kunjalo ndiyayinika inyoba yokuba xa unayo incwadi le unganako ukusongeza nangosiba isiduko sakho.

    Umnumzana Lwazi Mntungwa yena uthi unanamhla zisezininzi iintlanga ezisafikayo emaHlubini ukongezelela kwezo zazikho ngaphambili.

    Xa ndiyiphuhlisa yonke le ntetho ingentl’ apha ndingathi xa kuthethwa ngamaHlubi akubhekiswa kooRadebe kuphela. AmaHlubi asisizwe esineziduko ngeziduko.

    Isizwe samaHlubi sinomnombo wobukumkani ekukrokreleka ukuba sehla sivela kumazwe asentla kweli lizwekazi le-Afrika nakubeni imbali iyigubhulula ukuqala kunyaka ka 1300, oko kukuthi kwinkulungwane yeshumi elinesine (14th century). Kanti ke bambi ababhali bathi kwakoo 1200 (13th century) ayeselekho amaHlubi aph’ eMzantsi. Kungeli xesha ke apho esi sizwe sesizokuthi gxada kule ndawo yathiywa ngokuba yiNatal emva kokuba ubukhosi bamaHlubi baxwilwa ngamaNgesi. Ngokuqinisekileyo olu ngenelelo lwamaNgesi lwenzeka ngaphambi komnyaka ka1873 apho ukumkani wamaHlubi uLangalibalele wokuqala wabanjwayo wayakudidinjwa kwisiqithi iRobben. Emva kovukelo lukaLangalibalele (Langalibalele Rebellion) ubukumkani bamaHlubi babhangiswa ngamaNgesi.

    Lithi ibali uLangalibalele I wathi akuqaphela ukuba amaNgesi azungula ukumbamba wabalekela eLusuthu. Kulapho ke kwavela uvukelo lukaLangalibalele wokuqala. Xa beyikhumsha bathi yiLangalibalele Rebellion. AmaNgesi ayeselengene aphelela emhlabeni wamaHlubi awisa imithetho ngemithetho yawo. Phakathi kwaloo mithetho kwakukho umthetho wolawulo lwemipu apho kwakufuneka imipu ibhaliswe ngokusemthethweni. Kwakufuneka ukuba wonke umntu onompu awuse e-ofisini yerhuluneli uyokubhaliswa. Kulapho waqhankqalaza khona uLangalibalele ngelithi liqhinga nje labamhlophe lokubaxutha izixhobo zokulwa okanye zokuzikhusela. Kuthe akuba engayisiso leyo wathathwa njengonyevulela umbuso kwaye efanelwe kukuyakuvalelwa esiqithini. Umantyi uJ. MacFarlane wakhupha umsila wengwe ukuba makabanjwe. Zithe zakufika ezindlebeni zikaLangalibalele ezo ndaba wagqiba kwelokusaba. Wenjenjeya ukukhweza amazantsi oKhahlamba ekunye namanye amabutho akhe kunye nomhlambi weenkomo. Irhuluneli yelo xesha, uSir Benjamine Pine, wahlanganisa awakhe amabutho akhokelwa ngunjengele A. Dunford bahlala ezithendeni zikaLangalibalele. Icebo lakhe yayikukunqumlela eBushman’s River ukuze banqande uLangalibalele angaweleli eLusuthu. Ngoko ke, njengokuba wawukho umkhosi olandela ezithendeni zikaLangalibalele, wabakho onqumlela eBushman’s River ukuya kumrhawulela ngaphambili. Kuyo yonke loo nquleqhu yabo amaHlubi ayewazi umhlaba wawo ngaphezu kokuba bona bebecing’ ukuba bayayazi indlela abantu abamnyama abacinga ngayo. Ngelishwa labo bawubhuda umhlola. ULangalibalele nebutho lakhe abazange basondele kwakusondela kuloo mzila wabo.

    Ngokungayazi indlela bakhetha eyona yakhe yande neyayinemiwonyo. Uhambo lwabo lwabalude kunokuba bebecinga babe bethezw’ amandla ngumnqantsa wokonyuka intab’ oKhahlamba. Bathe bakubona iqela lamaHlubi baqond’ ukuba umsebenzi wabo uzakufezeka lula. Nabo bethatha indlela esinga eHlathimba Pass ngelizama ukuyakuvala amazibuko kumlambo iBhushman’s. Bathi kanti bawubhudil’ umhlola nakweli tyeli kuba le indlela yayinxaxhile kwaye inemiwonyo nemiwewe kangangokuba ihashe lenkokeli yabo uDunford latyibilika ethambekeni lisiwa naye. Yeka ke ukumqengqa esenz’ uqulukubhode. Kuloo mbhodamo wophuka iimbabo ezimbini, waphum’ ingqosha wafumana namanxeba. Engxwelerheke enjalo kwanyanzeleka ukuba azithuthe athathise.

    Kangangendlela eyayibanxaphisa ngayo indlela abanye babesifa isiqaqa, abanye bekhasa, imilenze ingasabathwali, kanti ke abanye bakheth’ ukubuyel’ emva ekhaya. Lithe lakurhatyela elaloo mini, elo bathwana lamajoni akwaziyo ukurhuq’ iinyawo lagqiba kwelokuba makuphunyulwe bazokwazi ukulungela ukuqubisana namadoda kaLangalibalele kusuku olulandelayo.

    Zasezifikile koPine iindaba ezithi uLangalibalele selewuwelile umda ukuyakutsho eLusuthu. Noko kunjalo kwakunyanzelekile ukuba ooDunford baphumle belungiselela ukuqubisana namaHlubi ngengomso.

    Ngentlazane yosuku olulandelayo kwathi wayi-wayi igqiza lamadoda aNtsundu axhobe afohlela. UDunford wacing’ ukuba ngamabutho abeSuthu awayencedisana nabo. Baqonda sebefikile ukuba nguMabuhle, inkokeli yebutho lamaHlubi, kunye nebutho lakhe. Ngelo xesha babengasenakuzikhusela nganto abakaDunford kuba izixhobo zabo babezithe tyaa bengalindelanga nto ingaqhelekanga enokwenzeka. Bema nematha bengqingwe libutho lamaHlubi. Kwakuhambis’ umzimba bebukela amatshantliziyo amaHlubi eman’ ukulola imikhonto yawo ematyeni, nto leyo yayibankwantyisa abakaDunford. Indlela ababemince ngayo abakaDunford kwakunzima nokushukuma, ngakumbi kwasekuthathwe nemipu yabo. Ngoko basala bengakwazi nokuzikhusela balinda nje ithuba lokuba liw’ ilahle.

    Kuthe besathe shwamnca njalo kwadanduluka usajini Clarke esithi, ‘Sizakubulawa!’ Yeka ke ukubabeleka abasicatyana kumajoni kaDunford. Bawadela amahash’ abo becela kwabanentsente, abe nawo loo mahashe ebhenq’ imitshoba ebaleka nobomi. Ntiwuuuu! Yaqhuma irhuluwa idlul’ endlebeni yomthakathi! Yathi zum ukungen’ enyameni kulowo othe wanelishwa lokuchanwa. Psiiiiiiiiiiiiiiiii! Yaba kukufutha komkhonto usik’ umoya. Gqubhudi, gqubhudi, gqubhudi, gqubhudi! Zaphala, zipetsula zibhenq’ imitshoba iinkabi zamahashe ziphel’ emehlweni ngelisindisa imiphefumlo yazo. Lwangcol’ ungele lwamaNgesi nabancedisi bawo.

    Ngenxa yokufa kwabelungu kolo vukelo lukaLangalibalele yathi imbongi xa imbonga:

    Wavalelisa ngomkhonto koka Sonjica,

    Kaloku uSonjica lo yayiligama awayebizwa ngalo uShepstone ngamaHlubi. UBhishophu Colenso yena kwakusithiwa nguSobantu ngenxa yokuba wayebathanda abantu bamaHlubi.

    Wasinda uDunford kolo hlaselo kodwa wafumana ukubinzwa kabini ngemikhonto. Kuthiwa wacuntsula kule yabantwana ngenxa yomsindo nokungcungcutheka. Yaba nguwashiywa bezombela izinqe ukuyakubika kuPine. Abamhlophe abazange bayithande lento kangangokuba kwathunyelwa amabutho ukuyakuzingela uLangalibalele eLusuthu. Ngelo xesha ke uLangalibalele uzifihle kwinkosi uMolapo. Ingxelo ithi kwathi kanti amaNgesi akunakanile oko ze amnyanzelisa uMolapo ukuba anikezele ngoLangalibalele. Wathathwa ke wayakudidinjwa eziseleni eMgungundlovu.

    Kodwa ingxelo yodliwanondlebe lukaBishophu Colenso konyana abathathu bakakumkani Langalibalele ibika ngolu hlobo:

    Manaba: ‘We then went on until som Basutos under Jonathan, son of Molappo, came to us…Langalibalele said, Will you really save me? and Jonathan said, "Yes, we will save you; only come on at once"’

    Mbaimbai: ‘We really had no fixed plan. Langalibalele’s idea was to get out of the way, and subsequently try to make terms, and return with his family. I do not know of any communication with Molappo before this time.’

    Mango: ‘I know of no other tribes connected with any plan of resistance [? desertion, hlubuka]. Our own resistance [? Desertion] was entirely impromptu, and arose out of the circumstances of the case. We did not know what to do…

    Ngugwana: ‘We went on until we met the Basutos under Jonathan, the son of Molappo; they said they had been sent to conduct Langalibalele to Molappo, to tell him not to go to Adam Kok’s country, where a force was now awaiting him. Langalibalele said he had nothing to do with Adam, and did not want to go to his place, he was simply wandering about. The Basutos said Molappo said he was to come to him and he would hide him’ (Langalibalele and the amaHlubi Tribe, John William Colenso).

    Ngokwale nkcazelo ingentl’ apha singagqiba sithi ukumkani Langalibalele akazange abalekele kuMolapo, koko wayezula kwelaseLusuthu waze wabizwa nguMolapo ukuba aye kuye azokumfihla. Kanti ngalo lonke elo xesha uthunywe ngamaNgesi awasele emlindele kwaMolapo.

    Kungoko ithi imbongi xa imbonga:

    Ngithe ngibalekela kozongisiza angifihle,

    Kanti ngibalekela esilwaneni esinguMlapo kaMshweshwe.

    Yasho njalo indlovu kaMthimkhulu

    Seyemuka sebehamba nayo amaNgisi’.

    Ingungu kaMtimkulu

    Abayingenis' emkhunjini

    Zonk' izizwe zabikelana!

    Zat' "U-Langalibalel' ubanjiwe,

    Ubanjwe ngabazana nenkwenkwezi,

    Nenyanga, nelanga, nezilimela."

    Ingaba yintoni isizathu sokuba uLangalibalele avume ukuya kuMolapo okanye akholelwe ukuba uzakumfihla? Zange acing’ ukuba uMolapo anganikezela ngaye kwabamhlophe ngakumbi kwisithuba esinaye eliHlubi kwaye wayengumhlobo omkhulu kayise uMoshoeshoe. Khumbula kaloku ukuba ukhokho kaMoshoeshoe wokuqala, uMsuthu, wayeliHlubi kwaye uMolapo engunyana kaMoshoeshoe I.

    Kodwa asinakumgxeka uMolapo ngokunikezela ngoLangalibalele. Ibali lithi amaNgesi athumela imikhosi yeenqwelomoya, amahashe neenqwelomafutha ikhokelwa ngu Captain Allison nomnumzana Hawkins kuzingelwa uLangalibalele. Kwakhona kuthiwa uMolapo wanyanzeliswa ngumnumzana C. D. Griffith kunye noMajor Bell, ukuba anikezele kubo uLangalibalele, onyana bakhe ababini, umnakwabo, iinkosana ezimbini, kunye namany’ amadoda angamashumi asixhenxe. Laxoxwa ityala lakhe kwinkundla yamatyala eMgungundlovu, waze akuba efunyenwe enetyala wayakuvalelwa eRobben Island, egwetywe ubomi evalelwe.

    Wumbi ke uzakungayiqondi ukuba ukhokho kaMoshoeshoe I wayeliHlubi njani. Gqaba-gqaba nje ingxelo emfutshane yembali esuka kuChibi echaziweyo ngentl’ apha, kodwa ke sizakuyisusa kuBusobengwe, uBhungane I. Amanye amagama kaBhungane I nguNyangayezulu, uMlotshwa:

    Naba oonyana bakaBhungane I:

    1.Mhulu okanye Mhuhu

    2.Mhlanga ozele uMusi. UMusi lo ngulo waseka isizwe samaNdebele.

    3.Mvelase ozala abantu bakwaMazibuko

    4.Msuthu ukhokho kwaMoshoeshoe

    5.Miya noNdlangisa (amawele) abazala abakwaMiya nabakwaNdlangisa

    6.Dlamini I ozele uMswati, phakathi kwabanye oonyana. Ngulo Mswati owaseka isizwe samaSwati.

    7.Mthimkhulu I (uZikode) ozele uNcobo noRadebe noXaba.

    Xa kukwesi sithuba ndiyafuna ukuyivelisa nento yokuba amaHlubi eli xesha lethu aphikisana kakhulu ngalo mnombo ekubeni nawo unikezwa ngamanye amaHlubi. Ekuphikisaneni kwawo kuyaqapheleka ukuba asebenzisa umlando wobukumkani bamaHlubi ukuchaza ngomlibo. Umzekelo abanye bathi uMthimkhulu I uzalwe nguDlamini. Bakutsho oko ngokujolise ekubeni uMthimkhulu I waba ngukumkani emva koDlamini. Kwakhona nakumba kaMsuthu. Bambi bathi uyisemkhulu kaMoshoeshoe yayingenguye uMsuthu koko yayinguMwayi okanye Mualle oyise yayinguNtsele kaBhungane II. Akungebi mhlawumbi kwaMualle lowo wayebizwa ngokuba nguMsuthu kuba wayephila phakathi kwabeSuthu?

    Andinalwazi ke lokuba kutheni kusithiwa nguNtsele kaBhungane endaweni yokuba kuthiwe nguNtsele kaMashiyi/Mashiya. Xa ujonga uluhlu leekumkani zamaHlubi uyakuyilandela ukuba kutheni ndinaloo ntandabuzo.

    Kuyaphinda kuphikiswane ngeli gama lithi Zikode. Bambi bathi lelinye igama likaMthimkhulu II hayi uMthimkhulu I. Abanolwazi ke bathi elinye igama likaMthimkhulu I yayinguJobe. Phofu ke igama likaMthimkhulu II elivamileyo leli lithi Ngwadlazibomvu.

    Bakhona ke nabaphikisa into yokuba uXaba wayeliwele likaRadebe. Phofu bephika nje abade bayichaze imvelaphi kaXaba. Kanti ke nabo bangoXaba baneembono ezahlukeneyo malunga nemvelaphi kaXaba.

    Imbali ngokuka mnumzana D. Fred. Ellenberger, V.D.M. nomnumzana J. C: Macgregor ithi abeSuthu babeziintlanga ngeentlanga, umzekelo kukho abaTlokoa, Barolong, Bahurutse, Bafokeng nezinye. Le mbali ihambisa ithi kude kwaba ngexesha lokuphatha kukaMoshoeshoe I apho kwaqanjwa eli gama lithi Basotho (abeSuthu) elihlanganisa zonke ezi ntlanga zabeSuthu. Kwiincwadi endikhe ndazindwendwela asikho isizathu esibekwayo sokuba kutheni uMoshoeshoe azakhethe eli gama. Kodwa ke loo ndawo singafane siyigcwalise ngelithi inokuba uMoshoeshoe waphakamisa ukuba uhlanga maluthiywe ngegama likakhokho wakhe uMsuthu kaBhungane I. Kungoko amaHlubi azingomba isifuba ngelithi isizwe sabeSuthu sisuka emaHlubini. Singatsho ngokungafihlisiyo nokungathanda-buzekiyo ukuba abeSuthu bakaMoshoeshoe bona ingcambu yabo ikuMsuthu kaBhungane I. NguMoshoeshoe lo ke ozala uMolapo lo uLangalibalele I wabalekela kuye.

    Eyam imbono malunga nale mbali kaMoshoeshoe kukukhumbuza nje ngesiko lesiNtu, ukuquka amaHlubi. Ngokwesiko lesiNtu amaHlubi awanafanelanga ukubanga uMoshoeshoe ngokuba liHlubi naphantsi kwayiphi na imeko, nokuba uyisemkhulu yayinguMsuthu okanye uMwayi.

    Iyonke le ngxoxo-mpikiswano ngamagama nemvelaphi yesizwe mna ndingayishwankathela ngelithi izalwa kukuba imbali yethu yebaliswa ngomlomo ze ezinye iinkcukaca ngayo zimane zifiphala ngokuhamba kwexesha.

    Kodwa konke oko akuthethi ukuba asikho isizwe samaHlubi. Sikhona kwaye sikhule nangaphezu kokuba sasingako ngexesha lookhokho bethu.

    Isizwe samaHlubi sasisakuba sesona sizwe sikhulu kwaye simelene nesizwe samaZulu esasinganeno ngobukhulu kweso samaHlubi. AmaHlubi awazange abe ngamaZulu kanti ke namaZulu awazange abe ngamaHlubi. Kwakhona amaHlubi awazange abephantsi kwamaZulu okanye aphathwe ngamaZulu ngexesha likaDingiswayo noTshaka. Ngokukwanjalo namaZulu akazange aphathwe ngamaHlubi. Mhlawumbi ke ndingabe ndiyibeke ngcono xa ndithi amaHlubi ayemelene nesizwe sakwaMthethwa kaJobe, uyise kaDingiswayo. AmaZulu wona nakubeni ayesisizwe, ayebusa phantsi kwesizwe sakwaMthethwa de kwaba lixesha lokulawula kukaTshaka. AmaHlubi asisizwe njengoko amaZulu esisizwe, nqwa nezinye izizwe zizizizwe njengamaSwati, Ndebele, Sotho, Tswana, Baca, Mpondo, Mpondomise, Xesibe, Xhosa, Tshangane, Venda, Pedi, njalo-njalo. Nditsho nakubeni amaSwati, amaNdebele nabeSuthu besuka emaHlubini nazo azizizwe kuba ayakuzimela amisela izizwe zazo.

    Intetho yokuba amaHlubi ayengamaZulu kuqala aza asaba ngexesha leemfazwe zikaTshaka bubuvuvu. Okanye mandithi yenziwa kukungaqondi. Ukuba naloo nkolo kwenziwa kukunqongophala kolwazi lobuzwe babo bantu banalo nkolo. Kwakhona loo nkolo iphuma kulwamvila lobuxoki olufakwe ziintlanga ezazineenjongo zazo zokubhangisa ubuzwe bezizwe ezingahambisani neemfundiso zazo. Kangangobunzulu bolo lwamvila unanamhla uninzi lwethu lusabona amaHlubi ahlala kwaZulu-Natal engamaZulu kube kungenjalo. Masithathe ooDlamini nooMntungwa njengomzekelo. OoDlamini noMntungwa bafumaneka emaHlubini nakwisizwe samaSwati, mhlawumbi namaNdebele. Akakho uDlamini okanye uMntungwa ongumZulu. Bangabe bangamaHlubi okanye amaSwati okanye amaNdebele. Xa ufuna ukuqiniseka ukuba uDlamini liHlubi na okanye ngumSwati nguye ozakukuxelela ngemvelaphi yakhe. Kodwa njengoko sesibonile ngentl’ apha uMswati uzalwa nguDlamini, uDlamini ozalwa nguBhungane I, iHlubi. Isizathu sokuba ezi ziduko zibekho kwezi zizwe zozibini kukuba amaSwati azalwa ngamaHlubi ngoDlamini kaBhungane I.

    Siyeva ngobuzwe bamaHlubi ukuba ukumkani uLangalibalele wokuqala wayeqhankqalazela ukuba isizwe samaHlubi, ngexesha lolawulo lwakhe, sitsalwe ngempumlo luhlanga lwamaNgesi. Kulapho wabanjwa wayokuvalelwa ze abathile kwalapha emaHlubini banyanzeliswa ukuba babengabaphathi njengeenkosi okanye izibonda, bambi besonyulwa kwezinye izizwe ukuba baphathe abesizwe samaHlubi, ngakumbi amaZulu.

    Ikwangala maNgesindini aye aluthathela kuwo ulawulo lomhlaba wamaHlubi ukuze iinkosi ezo bazimiselayo zigobe kwimithetho eyamiswa ngawo amaNgesi. Ekuhambeni kwethuba indawo leyo yathiywa ngokuba yiNatal. Ziyatshiwo ke iziganeko ezibangela ukuba ithiywe elo gama. Kodwa esona sizathu sisiso kukuba amaNgesi athi ngenxa yobunganga bezigalo bawuhlutha ngolunya umhlaba wamaHlubi. Emva koko baqinisekis’ ukuba bazakusinciphisa basirhuqe eludakeni isidima sesizwe samaHlubi de sibhange singabisabakho. Ngelishwa labo ke amaHlubi ayaphila kwaye anamandla angaphezu kwala ayenawo ngaphambili.

    Oonyana neentombi zamaHlubi bavukil’ emaqandeni bagubhulula ubuzwe babo. Yiyo loo nto siyinyaniso engenakuphikiswa bani onokuzinzisa ukucinga isiphakamiso samaHlubi anamhlanje akhokelwa ngukumkani uLangalibalele wesibini, uMuziwenkosi Radebe, elithi kakade kwa-iKwaZulu-Natal imelwe kuguqulwa ibizwe ngokuba yiKwaZulu-Hlubi okanye kungangcono nokuba kuthiwe yiHlubi-Zulu. Oko akunakusibuyisa isidima samaHlubi esahexiswa saxangxathwa ngamaNgesi, kodwa ke oko kokuncinane okudingwa ngamaHlubi ukongeza ekubuyekezweni komhlaba lo bawuthatha ngolunya kwakunye nobukumkani obu babudlakazelisayo.

    Phantsi kokumkani uBhungane II amaHlubi ayesaziwa njengesona sizwe sinobuchule bokulwa ezimfazweni kangangokuba uBhungane wayesaziwa njengonentelezi yokuqinisa imikhosi yokulwa, iziYendane, ekwanalo nechiza lemvula.

    UDingiswayo kaJobe wathi xa ebaleka ingqumbo kayise wabalekela emaHlubini apho wamkelwa khona nguBhungane. Ukhumbule kaloku ukuba uDingiswayo lo elona gama lakhe lalisakuba nguGodongwana. Eli likaDingiswayo, okanye uMdingi, walifumana ekudingisweni apho. Andizukunaba ukuba yintoni eyabangela ukuba emke kwisizwe sakubo sabakwaMthethwa. Leyo ifanele abakwaMthethwa ukuyicubungula. Phofu umnumzana Absalom Muziwethu Mthethwa seleyihlahlile loo ndlela.

    Okwam nje kukubonisa ubuhlobo obabukho phakathi kwamaZulu namaHlubi. Ngelo xesha uDingiswayo wayehlala ekhulela kwaBhungane wafundiswa bonke ubuchule noburharha bokuphatha. Kwakhona waqiniswa nokuqiniswa nguMakhulukhulu, uBhungane. Phofu uBhungane wayemazi uDingiswayo ukuba uyinkosana. UJobe, onguyise kaDingiswayo, kaloku wayeyinkosi yabakwaMthethwa. Xa ndithi ukhulele kwaBhungane andithethi kuthi ufike elusana, nditsho nkqu nokuba ibiyiminyaka emine, elo thuba lanele ukuba afundiswe kwaye afunde oko kufaneleke ukuba akufunde, ngakumbi imicimbi yasebukhosini. Andithi nangoku izifundo zezidanga zithatha iminyaka emithathu ukuya kwemine? Kungoko ndithi loo minyaka mihlanu yahlalwa nguDingiswayo emaHlubini yayanele ukuba afunde yonk’ into emelwe ukufundwa emalunga nobukhosi.

    Esakube ebhubhile uJobe, uDingiswayo wabuyela kwisizwe sakubo sakwaMthethwa selenobuchule bokulwa kwaye efumene nentelezi neemfundiso zobukhosi kuBhungane. Wafika wahlutha ubukhosi kulowo wayelawula. Ngelo xesha isizwe samaZulu sasiphantsi konkosi uSenzangakhona, isisizwe esasilawula phantsi kwesizwe sakwaMthethwa. Phofu ngoko amaZulu ayengekabi ngamaZulu. Ayeseziwa ngokuba luFenulwenja. Aye aba ngamaZulu phantsi kukaTshaka.

    Kuyafuniselwa ke ukuba kwakutheni ze uTshaka acinge ngeli gama. Ziyathethwa izinto ekucingelwa ukuba kwakutheni. Mna ndivela nale ethi mhlawumbi uTshaka wacinga ukuthiya isizwe ngonyana kaRadebe onguZulu ngelinge lokuhlonipha uncedo awalifumana emaHlubini. Khumbula kaloku noLangalibalele wokuqala wathiywa ngesizwe sabakwaMthethwa ngokuhlonipha uDingiswayo ngokuthi asabele emaHlubini xa ilizwe lalimfulathele.

    UTshaka naye ngokwakhe wemka nonina uNandi beshiya uyise uSenzangakhona. Asizukungena nzulu kwizizathu zokuhamba kwabo ebukhosini. Okona kungundoqo kukuba yintoni na eyayidibanisa uTshaka namaHlubi. Imbali ithi nakubeni uTshaka wayengunyana wokuqala kaSenzangakhona wayengeyiyo indlamafa enokuthatha ubukhosi kuba engazalwa kundlunkulu. Kodwa kuba uyise wayengenayo enye inkwenkwe ngaphandle kwakhe kwanyanzeleka ukuba ayityumbe njengenkosi ezakungena ezihlangwini zakhe.

    Kuthe ethubeni amakhosikazi ezindlu ezinkulu kunoNandi afumana abantwana abangamakhwenkwe, uMfokazana, uDingane kunye noMhlangana. Bavuka ubukhwele koonina bebanga ukuba isihlalo sobukhosi sinikwe oonyana babo, hayi uTshaka.

    Ngelo xesha lokuzalwa kwala makhwenkwe ezindlu ezinkulu uTshaka wayesel’ eqinisiwe ukuze akhuseleke kwimimoya emdaka njengoko wayezakuba yinkosi. Umbhali umnumzana Thomas Mofolo, kwincwadi yakhe ethi Chaka, ubalisa athi kwaye kwadingeka ukuba kufunwe inkintsela yegqirha ezakuqinisa uTshaka. Igqirha elalisaziwa lalikwisizwe samaHlubi. Mhlawumbi uDingiswayo waba nefuthe lokuba kuyiwe kuBhungane ukucela ukuba athumele igqirha elo. Mhlawumbi kwagqirha elo inokuba ikwalelo laqinisa yena Dingiswayo.

    USenzangakhona waya wacela elo gqirha kuBhungane. Lisakube lifikile igqirha elo lamqinisa ngaloo mayeza alo. Lakhupha umyalelo wokuba mihla le kufuneka uTshaka ayokuhlamba emlanjeni ngonyezi, ze lithi liphuma ilanga abe selebuyele ekhaya. Kwakufuneka ekhethe isiziba esinzulu kwindawo efihlakeleyo. Igqirha lakhupha umyalelo ongqingqwa wokuba kufuneka ekhatshwe ngunina ukuya kuhlamba nakubeni unina wayalelwe ukuba angade ayekufika yena kule ndawo ahlamba kuyo uTshaka. Kodwa kwakungafunekanga nokuba abekude kakhulu ngoba uTshaka kwakufuneka embizile unina ukuba kuye kwavela into emoyikisa kakhulu kangangokuba engenakwazi ukumelana nayo eyedwa.

    Ekhayeni phaya lwaye lukhula uxinzelelo lokuba uSenzangakhona makatyumbe kwaba nyana bakhe lowo uzakuba yinkosi. Kwelinye icala kwakhula inzondo ngakuTshaka, kangangokuba kwakude kunukunezwe nonina, uNandi. Ngenxa yale nzondo kukhule nemigushuzo yokuba makabulawe uTshaka. Ngenxa yalo mayelenqe kwaqala ukuphatheka kakubi kwakhe ngamakhwenkwe endawo. Kwakuthi nokuba kuyokoluswa impahla amhlasele kangangokuba uninakhulu wamyekisa ukwalusa waza wamnika umsebenzi wokugxotha iintaka emasimini amazimba. Amgqogqa apho amakhwenkwe ze ngaminazan’ ithile amnkankatha ade amphosa echibini ngelithi selembulele, kanti ufe nje isiqaqa waze wonyulwa yindod’ ethile eyabhada la makhwenkwe xa emhlasela. Kuthe ekubeni ephaphamile wabuyiselwa kowabo. Abazali bagqiba kwelokuba babize igqirha lakhe lizokumqinisa ngakumbi.

    Selifikile igqirha lasemaHlubini lambhilabhila ngamachiza alo limqinisekisa ukuba uyakukwazi ukumelana neentshaba zakhe.

    Emva kokuba efumene oko kuqiniswa kwabanzima emakhwenkweni ukumelana nezithonga zakhe xa emhlasela. Wasuka wabalikroti eloyikwa nanguthathatha. Amandla awayenawo amangalisa uninzi kangangokuba ngaminazana ithile wade wabulala ingonyama xa yayihlasel’ eny’ indoda.

    Kuthiwa le ngonyama yayibulala impahla de amadod’ elali agqiba kwelokuba mayizingelwe ibulawe. Ngenene aphum’ ingqina ephethe amakhaka nemikhonto yawo. Aman’ esomelezana aph’ endleleni ngelithi ze banyamezele kungabikho ndoda ibalekayo. Ubuchule bokuyidida kukuba benze isangqa ukuze ingazi ukuba ihlasele bani iyeke bani. Enyanisweni ke kwabanjalo.

    Kodwa kuthe xa

    Enjoying the preview?
    Page 1 of 1