Discover millions of ebooks, audiobooks, and so much more with a free trial

Only $11.99/month after trial. Cancel anytime.

Ubuyelekhaya
Ubuyelekhaya
Ubuyelekhaya
Ebook54 pages25 minutes

Ubuyelekhaya

Rating: 0 out of 5 stars

()

Read preview

About this ebook

Ngenxa yokusweleka kwabazali bakhe uMkhanyiseli uyafuduka kwifama awayehlala kuyo eMpuma Free State aye emntla weli Phondo kunye nomnakwabo uMxolisi. Bahlala nomkhuluwa wabo ongu Nkululeko etyotyombeni lakhe eZamdela. Kube nogqabhuko dubulo kwi-firm aphangela kuyo uNkululeko aze athi ngelishwa abhubhe eshiya abantakwabo ebunzimeni obukhulu. Emveni koku kuthe kwehla iziganeko ezimbi Kunene apho azibhaqa sekumele asiyeke kwa sikolo eso uMkhanyiseli. Ingaba unyamezelo lomntu luhamba luphelele phi na ze aphele ekhetha ukuba sisihange?

LanguageXhosa
Release dateAug 9, 2019
ISBN9780463269923
Ubuyelekhaya
Author

Vakalisa Hlazo

Igama lombhali lo nguVakalisa Hlazo. UVakalisa wazalelwa kwiLali yaseMajuba eSterkspruit ngo1983. Ungumtwana wesithathu ekwa-yinci konyana bakaFikile Hlazo umNzolo. Uthe akuba minyaka isixhenxe wagqobhoka. Imfundo yamabanga aphantsi uyifumene eFree State kwilokishi yaseMatlakeng eZastron. Uthe akuphumelela ibanga leshumi ngo2001 waphumelela ibhaso lokuqhubekeka nemfundo enomsila kwiDyunivesithi yaseFree State eBloemfontein. Ube namagingxigingxi ke apho maxa wambi angafundi ahlale nje elokishini. Kodwa ude wasithweswa isidanga esiyiBSc ngo2009. Ngelixa aphumileyo esikolweni ukhe wasebenza njengomchweli izihlandlo zada zazibini. Uyasebenza ngoku kwisebe leEnvironmental Affairs laseFree State.

Reviews for Ubuyelekhaya

Rating: 0 out of 5 stars
0 ratings

0 ratings0 reviews

What did you think?

Tap to rate

Review must be at least 10 words

    Book preview

    Ubuyelekhaya - Vakalisa Hlazo

    Kubazali bam uFikile kunye noNozamile Hlazo.

    Amazwi ombulelo

    Le ncwadana ngeba andizanga ndayiphuhlisa yada yafikelela kwesi simo ukuba bendingakhange ndafumana amazwi enkuthazo kunkosazana uZanele Madadasana, unkosazana Siphokazi Mase, umnumzana uNkoane Madumise, kunye nomnumzana uLwazi Magam.

    Ndibulela ukundinyamezela kwabo ekubakhathazeni kwam ndibacela ukuba bayifunde. Ndibulela ngakumbi uLwazi ngokundibonisa indawana ezithile ezingadingekiyo nendingazifakelela. Ndithi kubo bonke maz'enethole!!!

    Intshayelelo

    Eli lilinge lam lokufaka igxalaba kuncwadi lwesiXhosa. Kule minyaka imbalwa idluleyo ndiqaphele ukuba uninzi lwabantu ababhalayo kweloMzantsi Afrika babhala ngesiNgesi, loo nto ke ithetha ukuthi bongeza kuncwadi lwasemzini lube olwethu uncwadi lujongelwa phantsi. Ukwenjenj'oku ke kukuxomoloza kwam ndizama ukuba negalelo ekuphuhliseni uncwadi lwesiXhosa.

    Ndizama ukukhuthaza ulutsha ke ngoko ukuba lulandele lo mzekelo. Nolala ngenxeba ke bafundi ukuba kubekho ndawana zithimlisayo kule ncwadana kambe bayatsho abesuthu ukuba ikhubeka ihamba ngazo zone.

    Ubuyelekhaya

    Lo yayingumnyaka weshumi elinesibini uMkhanyiseli wagwetywayo. Wayegwetywe iminyaka ekumashumi amabini ukuya kubom entolongweni. Wayelindele intlanganiso yakhe nesigqeba seentolongo malunga nokukhululwa kwakhe ngengqawule. Kodwa ke kwakusele kulityeli lesithathu ehlangana neli bhunga, omathathu adluleyo aphela engayinikwa ingqawule. Umfo lo wayeyile kumashumi amathathu avisayo ubudala.

    UMkhanyiseli lo kambe wayezihambe zonke iintolongo zomntla Free State kunye nakunxantathu weLigwa (Vaal Triangle) uphela. Babelapha ooLeeukof Prison, Groenpunt Prison, Modderbee Prison, ndibala ntoni na. Nditsho kwaneJohn Vorster ngokwayo, le yayisaziwa nje ngeNumber 4 ngexesha lengcinezelo, wayesuka nakuyo. Inene wayezihambe zonke iintolongo ngenxa yokumana ebanjwa ngenxeni yolwaphulo mthetho.

    Nangani, ukuzula iintolongo kungasigqibisa kwelokuba yinkunzi yomgulukudu le, kodwa abamaziyo babengamboni olo hlobo. Enyanisweni ngenkangeleko wayengazichazi bugwinta. Xa umondele wena wayemde kodwa hayi okokude agabadele. Wayemnyama busomi empumlo ithe nkqo kunye namehlo akhanyayo adiza ukukhawuleza kwengqondo. Ke apha kumlenze wasekhohlo wayegcugcile, umpu oyi-revolver. Esifubeni khona wayegcugce umfanekiso welitye lengcwaba elinamagama esingesi athi-Rest In Peace. Ewe uMkhanyiseli lo wayeyinzwana, nangani kwakunzima ukude utsho litsole kuba wayesoloko ethinzile, kodwa xa ujongisisa wawunokufunga ugqibe ukuba asiyongqumbo leyo ibhaliweyo ebusweni bakhe koko bubuhlungu okanye ukudandatheka komphefulo ngenxeni yeentlungu zobom.

    Zonke ezi zinto zaqala kwisithuba seshumi elinesihlanu leminyaka ela dlulayo xa uMkhanyiseli wayengunqevu osakhasayo engekabi bani kwezolwaphulo mthetho. Wayethenga athengise imipu. Umpu oyi-9MM, nje ngale isetyenziswa ngamapolisa eloMzantsi Afrika wawukwazi ukumenzela imali engange-R200, ukanti le mikhulu kuthiwa ngoombhayimbhayi yayihlawula nangakumbi. Kwakuyiminyakana emibini okanye ukuya esithathwini amaqela ezopolotiko abuyayo elubhacweni, kwakhululwa namabanjwa

    Enjoying the preview?
    Page 1 of 1