Discover millions of ebooks, audiobooks, and so much more with a free trial

Only $11.99/month after trial. Cancel anytime.

Soze kubenje ngakuqala
Soze kubenje ngakuqala
Soze kubenje ngakuqala
Ebook134 pages3 hours

Soze kubenje ngakuqala

Rating: 5 out of 5 stars

5/5

()

Read preview

About this ebook

Ukunganyaniseki komntu eluthandweni kumfaka umntu kwinyula yomgxobhozo angenakuzikhupha kuwo. Ukwenyelisa umntu, umbeka amabala ngento engekhoyo kukuzinqikela nje ilitye elineembovane. Kuhle ke ukuqamela ngenyaniso ngalo lonke ixesha, ungade uzibone ujinga phezu komlomo wengcwaba. NjengoChuleza lo uzibone ephila ubomi bentshontsho, esoyika utshaba lwakhe elinguJoel, ebebefudula bengamathe, nolwimi. UChuleza wayengazi ukuba uQhakazile owayesisithandwa sakhe sokuqala iya kuba nguye ithemba lakhe lokugqibela ukuzikhusela kwindladiya, yengqashalala enganqandwa mntu enguJoel owathi wamfuna phantsi naphezulu, efuna ukumcima igama. UChuleza wayecinga ukuba uchan’ ucwethe ngotolo wagqiba ekubeni alahle uQhakazile kwesinomhlwa athi nca kuJoel njengomkhanzi endlebeni yethole. UChuleza wathi wakhutshwa isidima nganxa zonke lisoka lakhe labumini. Le nto ke isifundisa ukuba siqiqe phambi kokuba sithabathe izigqibo, okwesibini ifundisa ukuba wonele yindawo okuyo, impumelelo yomntu asiyiyo eyakho. Intliziyo enganeliyo ifaka umntu kwembi ingozi.

LanguageXhosa
PublisherVia Afrika
Release dateDec 6, 2018
ISBN9781415461341
Soze kubenje ngakuqala
Author

AS Dazela

U-Angelinah Dazela wafundisa wada wayinqununu, ufundise iminyaka engaphezulu kweshumi elinesibini eMpuma Koloni kummandla owawusakuba nguMneno-Nciba. Waziphandela amanye amathuba, wayeka ukufundisa waya eThekwini apho waqeshwa njengoMhleli weMagazini eyiBona kwingingqi iMobeni ejongene noLwimi olusisiXhosa.Ethubeni, wafudukela kwiPhondo iGauteng. Wasebenzela iNkampani yoSasazo loMzantsi Afrika, eJwanasbhege phaya e-Auckland Park. Waqeshwa njengoMbhali wemidlalo kamabonakude weJelo iTV2 (Scenario Writer of TV2 Programmes).Eminye kwimidlalo awayibhalayo kamabonakude yile: UMbhaduli, Umzi nezinto zawo, Iliwa libhek’ umoya, neminye ke.Ekuhambeni kweminyaka wafudukela eKapa, wasebenzela iSebe leNkulumbuso yeNtshona Koloni eyiNgcali yoMguquleli (Principal Language Practitioner) wada wafumana umhlala-phantsi.Abashicileli beencwadi abahlukileyo uyabasebenzela njengoMbhali, uMhleli, imibhalo yesiNgesi neyesiBhulu uyiguqulela esiXhoseni, uyahlola esenza ugxeko- ncomo olwakhayo ngeencwadi ezibhaliweyo. Iincwadi zakhe ziyasetyenziswa ezikolweni njengeenoveli, imidlalo yeqonga, amabali amafutshane, njalo-njalo.Ezinye iincwadi zakhe zezi: Izono zakho ziya kukujikela, ‘Soze kubenje ngakuqala!’ Lumkela iminwe emithathu, Owu ndanela! UNomasomi ngumdlalo weqonga awuguqulele esiXhoseni, ubhalwe nge-Afrikaans unesihloko sawo esithi ‘Nyoni’. KwiNkqubo yokufundisa eyi-Outcomes-based Education, u-Angelinah Dazela ubhale uchunge-chunge lwesiXhosa olunesi sihloko: ‘IsiXhosa Esisiso’ seBanga loku-1 ukuya kwiBanga lesi-4. UkwanguMfundisi wezakwaLizwi, nangoku usayibhala imidlalo kamabonakude.

Reviews for Soze kubenje ngakuqala

Rating: 5 out of 5 stars
5/5

1 rating0 reviews

What did you think?

Tap to rate

Review must be at least 10 words

    Book preview

    Soze kubenje ngakuqala - AS Dazela

    Isahluko 1

    Intlungu yomfana

    "Ndibuhlungu gqitha, Chuleza, xa ushiya iMakaronni Press. Loo nto yokuthatha kwakho elinye isebe lomsebenzi, ifana nqwa nokufa kum. Ibiluncedo into yokusebenza kwakho kufutshane nam kangangokuba akusekho nto ndikwazi ukuyenza ngaphandle kwakho. Ubusele uyinto yonke kum, ubusisithandwa sam, ubungudade wethu kanti ikakhulu, bendikuthatha njengomama kangangendlela ebendikuhloniphe ngayo. Kambe xa kungoku, akusekho nto ndingayenzayo kuba nawe uthi kunyanzelekile ukuba uhambe. Njengomntu ongutitshalakazi, nalapha eNatala zininzi izikolo obunokufundisa kuzo. Akufuni nokuva kuba uthi isikolo samabanga aphantsi iBotlabatsatsi sinenqatha esiza kukunika lona. Ngaphezulu, eyona nto indihluphayo kukuba uvele kum sel’ usithi uyahamba. Ukutsho oko, ndiyagqibelisa ukukubona namhlanje.

    Ngomso uyanduluka ukuya eParys. Owu! Ndibuhlungu kanene. Umphefumlo wam besele ndiwuxhome kangako kuwe. Undiphoxe ngento enye, ukuthi uhleli nje nam kanti kudala ukhekheleza emacaleni uthumela izicelo zomsebenzi. Yintoni le ingaka uyileqayo eFreyistata ibangela ukuba ude undishiye eNatala ndakugqiba ukuzixakekisa kangaka ngawe? Ingathi ngendingakhathazekanga kangaka xa wawundixelele kwakuqala ukuba uzimisele ukuya kwenye indawo. Kanene ubusele undixelele ukuba uleqa inqatha. Andinakukuphikisa kuba mna zange ndisebenze phantsi koorhulumente ndingazange ndabanguye notitshala ngaphezulu. Ndiyakucela ukuba ufike uziphathe kakuhle yaye ndizimisele ukusoloko ndikutyelela." Watyondyotha njalo

    uQhakazile ebindekile kuba uChuleza osisithandwa sakhe ehamba. Ndiza kufana nomntu okwalapha eThekwini xa ndiseParys, kaloku ootitshala bazifumana qho iiholide. Ewe, ibiliqela imali ebendiyifumana eMakaronni Press kuba ingumzi- rhwebo, intlawulo yayo ibithe kratya kwebendiyizuza ndisafundisa.

    Buyintoni ubulumko kule nto uyenzayo? Ukushiya umsebenzi onentlawulo eninzi koza kuyifumana! Noko olu hambo lwakho lunethontsi kum. Ingathi kukho nto iyenye oyileqayo ngaphandle kwale yokufundisa. Kwankqu le yokuvela kum sel’ uhambela phezulu, ayingeni tu kwaphela. Phofu oxhela eyakhe akabuzwa. Kungokunje akusekho nto indim, sendingumfi ngenxa yentlungu nokudana. Bendikuthembile ndisithi uyandithanda, undifundisile ukuba ndingaze ndiphinde ndimthembe umntu. Waphendula njalo umfana iinyembezi zisithi waxa ukuwela ehempeni. UChuleza wayebhekabheka, limyile, wazama ukusixolisa isithandwa sakhe: Mna andikaboni nto yonakeleyo kuthando lwethu. Nokuba ndingakude kuwe, kwakuxhomekeka ekubeni sithembene yaye sithandana kangakanani na. Njengokuba bendisoloko ndinawe nje, undigcine okosana olubomvu, ndifuna ukukhe ndizimele ehlabathini, ndiziqonde ukuba ndiqinile na. Eyokwahlukana into andikayicingi ngaphandle kokuba wena ungabona ababhetele kunam xa sendihambile. Uzungakruquki kuba qho ngeholide yoKwindla neyeSilimela, ndiza kukutyelela kodwa xa sele udikiwe ndim, uze uncede undazise. Masiyivale wethu le ngxoxo kuba nam kufuneka ndiyokulungisa umphako. Akuzokundisa kakade esitishini, ndisukele uloliwe oza kuphuma malanga ngentsimbi yesithandathu?

    Asiyiyo nento ongayibuzayo leyo kuba nawe uqinisekile ngayo. Mandikukhulule ntokazi uye kulungisa. Sobonana esitishini.

    UChuleza wayesisiqushuqushu setitshalakazi eyayingumchwethezi eMakaronni Press, ihlala elokishini eLamontville. Kowabo kwakungekude kwindlu eyayihlala uQhakazile, into ke leyo eyabangela ukuba basoloko bekunye. Yayithe gcobho le ntombi kuba mihla le xa iphangela isiya eMobeni, yayikhwela kumnyobo wemoto yesithandwa eso sayo. Nothathatha kuloo lokishi wayesazi ukuba bayathandana. Kwiziyolo nakwiindawo zosizi, babehamba kunye kangangokuba abantu bakuloChuleza babemazi lo mfana. Intombi le yayihlala nabakowayo apho eLamontville kodwa isinqe sabakwaVuza siseKoloni, eKhobonqaba. Kuqala intloko yeli khaya yayiphangela eThekwini, kwathi ngokumana ibizela khona inkosikazi yayo, lonke usapho lwaba nomdla. Yanyanzeleka ukuba ifune indlu elokishini ngokubona ukuba nentlalo ayisentlanga eKhobonqaba njengoko babengamalose ezifama. Xa yena ntloko yekhaya eseThekwini, kwacaca ukuba usapho luphatheka gadalala. Lwalusoloko luthenjiswa ngokugxothwa kusithiwa bangumzi olumkileyo. Oko kulumka kukuba unyana wakhe omdala eyokusebenza kwii- dolophu ezinkulu endaweni yokusebenza kwalapha efama. NoChuleza lo ibanga lobutitshalakazi walifundela eThekwini kangangokuba kowabo kwakuthethwa isiZulu kuba uququbelana lwabantwana abalekela uChuleza, lwakhulela eLamontville. Wayengumafungwashe kowabo uChuleza esalekelwa ngabantwana abane, iintombi ezimbini nabafana ababini.

    Ngeli xesha uChuleza asebenza eMakaronni Press, abanakwabo babengo- omabhalana kanti oodade wabo babesafunda kwiBanga leshumi. Unina wabo uNokhwezi wayesafundisa kwizikolo zamabanga aphantsi elokishini kwaMakhutha. Utata weli khaya uNgqale wayengumcwangcisi-mali kwiNatal Building Society, eSmith Street phakathi eThekwini. Abantu bakwaVuza babengaxakekanga nangona babengezozigwili. Yayingumzi oxabisekileyo kungekho geza lalifane lidlalele kuwo. Abantu bakhona babenobubele kodwa umninimzi wayenqeneka, ekhangeleka engenalusini. NangexeshauChulezawayethumelaisicelosomsebenzikwiMakaronni Press, loo nto wayeyenza ngelithi abanakuba ngootitshala bonke endlwini, yena wayefuna msebenzi wumbi. Wayengumdakakazi ongeva kuhlanjwa, owawusithi xa ukude kuwe, ungamkhathaleli. Makabe kufutshane nawe, wawungabethelwa luvalo wakuhlangana nobo buso bakhe buyimbulungwana, bonganyelwe ngamehlo amhlophe qhwa amisebe mide namashiya afane nje ayimigca encweliweyo. Nezithambiso zazingakhangeleki ngathi zinganento ezingayenzayo kuye kangangendlela awayemnyama ngayo. Esafunda wayelila phantse yonke imihla ngokuva abafundi kunye nabantu nje abamqhelileyo bemthuka ngokuthi:

    Lavel’ ilahle laseDundee,

    Bambi bathi yiNegro yaseDeep South,

    Imbulungwan’ emlom’ ukrazulweyo

    Kuwo kumenyezel’ iintlantsana.

    Nditsho won’ amazinyo egolide

    Ukushinyan’ oku awavumeli nethontsi.

    Lo mbombo uhlohlw’ amanqatha kusini na?

    Ukuphakama kwawo kokweentlanga zasemzini!

    Zon’ iindlebe zezikanogwaja.

    Yintombi yoMdabu ngempela!

    Babesitsho abakwaZulu.

    Kanti nabanye babexhom’ amehlo.

    Andithethi xa ivath’ isiNtu

    Ipheca ifana nqwa netikaKortjie.

    Asingethethi ngesimo nokudushuza,

    Akwenziwanga uchuleziwe, Cihoshe!

    Yayibangathi asisaphumi isikolo kangangendlela awayengcungcutheka ngayo. Wayenqwena, kubona amagqezegqeze aziintanga zakhe echininika, ebengezelisa ubuso yimimemezi nezinye izithambiso, ngelo xesha obakhe ubuso babungaxeli nokuba kuyasa. Wayengakuboni tu okwakubonwa luluntu. Engekayiqondi intsingiselo yala mazwi angentla kwakusithi makathwal’ izandl’ entloko akhale. Ayeyenza ihlwili intliziyo yakhe engazi nalapho angazifihla khona. Wayeziva ephoxekile nakosecaleni kwakhe ecinga okokuba makube umjongele obo bumnyama. Njengoko uQhakazile nale ntokazi babeyintlaka nexolo, naleyo into yayiyintlekisa kwiintshaba zabo. Xa kukwekwa umfana kwakukhalwa ngeBoesman, kanti intombi kwakusithiwa ngudakada. Nabantwana abasele bethe dlundlu esikolweni babelazi eli gama noxa yena babemhloniphile bekufihla ukulazi kwabo. Esi sibini sasihletywa naziinkcuba-buchopho kusithiwa ‘singumahluko ogqibeleleyo, kuba uQhakazile wayelufafa olumagxa makhulu ekuthi xa ekunikele umva ucinge ukuba uza kubona ingqabevu yeBhulu. Bambi babesithi ngu ‘Elephant’ njengoko wayephakamisa iintsimbi esaziwa jikelele njengo ‘Mr Beautiful Body’. Eli wonga walifumana kwelakowabo eBhayi kumzi wokuqeqeshela ukuphakamisa iintsimbi. Efika nje eLamontville, wayesaziwa ngokubonwa kumaphepha-ndaba, kunjalo abaninzi babemhloniphile kuba wayelungile.

    Ngelishwa wayezithatha yena njengompha ochutywe walahlwa. Wayenonina owathi ukubhubha kukayise, wendela komnye umntu eKorstein kwalapho eBhayi. Wakhulela kulo mzi wesibini

    Enjoying the preview?
    Page 1 of 1