Discover millions of ebooks, audiobooks, and so much more with a free trial

Only $11.99/month after trial. Cancel anytime.

Imiphanda Ichithwa Ngabamelwane
Imiphanda Ichithwa Ngabamelwane
Imiphanda Ichithwa Ngabamelwane
Ebook68 pages33 minutes

Imiphanda Ichithwa Ngabamelwane

Rating: 5 out of 5 stars

5/5

()

Read preview

About this ebook

Lo ngumdlalwana ongomfazi ogama lingu-Nozigigaba oxolele ukwenza nantoni ukufumana ubutyebi bomnakwabo ogama lakhe linguLungile. Yinto ke le eseyithande ukuxhaphaka eyokuba abantu bafune ukutya ukubila kwebunzi labanye abantu. Umbhali ulibhale ngesiXhosa esimnandi nesinobu- rharha eli bali elibalisa ngobuchule obunga-thethekiyo obugcina lowo ulifundayo enomdla ukuba kuza kwenzeka ntoni na de aye kufika ekugqibeleni. Zivele indlela esetyenziswa ngulo mfazi ukufumana obu butyebi kwaku-nye nendlela athi abudyiwaza ngayo kuba kaloku into umntu angayisebenzelanga aka-kwazi kuyisebenzisa. Zivele ukuba kude kwenzeke ntoni na ekugqibeleni.

LanguageXhosa
PublisherVia Afrika
Release dateNov 20, 2018
ISBN9781415461372
Imiphanda Ichithwa Ngabamelwane

Reviews for Imiphanda Ichithwa Ngabamelwane

Rating: 5 out of 5 stars
5/5

1 rating0 reviews

What did you think?

Tap to rate

Review must be at least 10 words

    Book preview

    Imiphanda Ichithwa Ngabamelwane - Y Madolo

    Umboniso wokuqala

    (Kusemini maqanda kumzi ocacayo ukuba awungowesixhwithantamo, ngomnye wemizi ebonakalayo apha eBhencuthi. Lo mzi ngokaLungile, esinye sezinhanha ezaziwayo apha kule lali. Egumbini lokuphekela, kuhleli uThandile, inkosikazi kaLungile, unxibe ifaskoti kuba uyapheka. UThandile lo uzivumela ingoma eviwa nguye yedwa. Kungena uNozigigaba.)

    UNOZIGIGABA: (Ngaphandle) Nkqo! Nkqo! Nkqo!

    UTHANDILE: (Eguqukela emnyango) Ngena!

    UNOZIGIGABA: (Engena) Molweni.

    UTHANDILE: (Emhlangabeza ngemincili) Yhu sisi! Kanti nguwe? Unjani?

    UNOZIGIGABA: (Naye ebonakala echulumancile) Ndiphilile wethu Na’kaZiphi, unjani wena?

    UTHANDILE: Nam ndiphilile sisi. Akazi kuvuya ngako uZiphi, kunini ethetha ngawe! Yhazi nam bendisuke ndatyhafa namhlanje, kanti ndityhafiswe kukuza kwakho?

    (UThandile amnike isitulo, ahlale uNozigigaba)

    UNOZIGIGABA: (Ngoncumo) Andisamkhumbuli ngako umtshana, oko

    ndandimgqibele kule nyanga iphelileyo. Siphuma nini sona esi sikolo?

    UTHANDILE: Siphuma ngeyesibini sisi. Phofu angangena nangoku kuba uyise ebesel’ eye kumlanda.

    (Kuvakale abantu abathethayo) Kunokuba ngabo abo.

    UZIPHI: (Phandle) Sikhawulezile ke namhlanje tata.

    ULUNGILE: (Emjonge ngoncumo) Utsho na ntomb’am?

    UZIPHI: Ewe tata. Kanti wena ucinga ukuba sifike ngexesha elifanayo

    nelezinye iintsuku?

    ULUNGILE: Mna ndifuna ukuthi asikhawulezanga koko nguwe lo undithe vetshe ngendaba apha endleleni, loo nto yenze ukuba ibe ngathi ibe mfutshane indlela namhlanje. (Bangene endlwini kunye)

    UZIPHI: (Ejika engena endleleni eya egumbini lakhe lokulala) Mandiye kubeka iincwadi kuqala, ndisose nditshintshe neempahla zesikolo.

    ULUNGILE: (Engena egumbini lokuphekela) Kulungile ntomb’am.

    (Ee mandla ngoNozigigaba)

    (Kucaca ukuba intliziyo idada emafutheni) Hayi bo! Ndiyelama? Nguwe ngenene lo? (Emxhawula) Molo s’Nozi, uphilile?

    UNOZIGIGABA: (NgolukaBhlankethe) Molo wethu Lungile. Ndiphilile noko, unjani ke wena?

    ULUNGILE: (Ehlala phantsi) Nam ndingumqabaqab’ igqabi leviniga, s’Nozi. Umshiye phi usibali?

    UNOZIGIGABA: Ndimshiye eza kuya emasimini. Kaloku bekukhe kwathi fa fa, nto ke leyo esenze sarhalela ukukhe siphethule umhlaba.

    ULUNGILE: (Ephakama) Makhe siyeni apha egumbini leendwendwe nomdade.

    UTHANDILE: Mna ndiza kusala apha ndisenza into esiwa phantsi kwempumlo. (Baphakame uLungile noNozigigaba baphume beshiya uThandile yedwa kweli gumbi. Bangena kwelinye igumbi, bahlale kwiisofa ezimganga ngothando lowo sukuba ezijula kuzo)

    ULUNGILE: (Elungisa ukuhlala) Bendisatho ke sisi, usibali uye kulima ngantoni, engenankabi nje?

    UNOZIGIGABA: (Ejonge phantsi) Ngezandla tyhini Lungile! Kaloku asinayo imali yetele-tele.

    ULUNGILE: (Ngomothuko) Hayi sisi! Yinkohlakalo yantoni le uyenza kusibali? Uqhele ukuza kuzibika nje xa unento oyidingayo, bekutheni ukuze ungezi kutsho ulinyelwe?

    UNOZIGIGABA: (Edlalisa iminwe yesandla) Hayi wethu Lungile, akufunekanga ndikuhluphe nangezinto ezingenamsebenzi, inkulu kakhulu le yokundodla sewundenzela yona. Andithi xa ndiphelelwe, undinika simahla evenkileni, abantwana bam uyabafundisa ...

    ULUNGILE: (Embetha emlonyeni) Hayi wethu sisi, xa uhamba uze undixelele, ukuze ndiyaleze umqhubi wetele-tele, ahambe nawe. Le uyithethayo andiyinanzanga, kwaye ayinditshonisi.

    UNOZIGIGABA: (Encuma) Ndingavuya kakhulu, mntakwethu. (Angene uThandile ephethe iti namaqebengwana, abanike naye ahlale phantsi, atye) Kanene uZiphi ufunda kwibanga lesithandathu?

    ULUNGILE: Kunjalo kanye sisi.

    UNOZIGIGABA: (Egqiba ukurhabula iti, abeke phantsi ikomityi kwitafilana ephambi kwakhe) Bethunana andihlalanga, bendize kucela uncedo njengesiqhelo.

    ULUNGILE: Thetha nje sisi, gxebe, vele utsho ezi zinto uzifunayo.

    UNOZIGIGABA: (Edlala ngeminwe) Siphelelwe kukutya, kwaye noNdoyisiwe

    Enjoying the preview?
    Page 1 of 1