Discover millions of ebooks, audiobooks, and so much more with a free trial

Only $11.99/month after trial. Cancel anytime.

Inzonzobila
Inzonzobila
Inzonzobila
Ebook73 pages37 minutes

Inzonzobila

Rating: 5 out of 5 stars

5/5

()

Read preview

About this ebook

Akukho namnye umntu osaziyo isizekabani sobu butshaba ngaphandle kukaNdlangisa noMaMntakwenda. UNdlangisa usoloko echukelana noZinzo ophela naye selemcaphukela. Isizekabani sobu butshaba, uMaMntakwenda unomntwana kaNdlangisa awamfumana phambi kokuba endele kuZinzo. Igama lalo mntwana nguBhongo owakhanyelwa nguNdlangisa. Ngoku uNdlangisa unomvandedwa wokumbona ekhula kwaye enenkqubela uBhongo. Uzibuza ukuba ilifa lakhe mhla wasweleka unyana wakhe akazi kulixhamla. UMaMntakwenda naye uthe cwaka, akamxeleli umyeni wakhe uZinzo ngale nto. UNdlangisa utshomana nootsotsi, wenza amayelenqe okumtshabalalisa kodwa ekugqibeleni ziyadandalaza iinyaniso.

LanguageXhosa
PublisherVia Afrika
Release dateOct 29, 2018
ISBN9781415461457
Inzonzobila

Reviews for Inzonzobila

Rating: 5 out of 5 stars
5/5

4 ratings0 reviews

What did you think?

Tap to rate

Review must be at least 10 words

    Book preview

    Inzonzobila - BB Mkonto

    Umboniso I

    (KuseNyanga, eKapa ngongcwalazi, ngoMvulo umhla we-15 Tshazimpunzi 1985. UZinzo into kaTsontso incokola nowakwayo uMaMntakwenda.)

    ZINZO: He Nofinitshi, uthi aba bashumayeli benu be bhongo boza bayeke nini ukusihlalela ngentlamba kwezi mvuselelo zenu kule mifihlo?

    MAMNTAKWENDA: Le nto?

    ZINZO: Umvile uNdlangisa elilisela ngezirhoxo zamabo bosi ezindlu ezigqiba oonyana neentombi zaba ntu ngokubabulala behleli. Ummamele kakuhle xa athi. (emlinganisa) Andithethi ngezi zinunza-nunza zabameli bethu zidume ngokunyoluka de ziphangele nezinja kumathambo ale lokishi.

    MAMNTAKWENDA: Ngoobani ke abo sekaBhongo?

    ZINZO: (Ecaphuka) Kwek! Madoda! Bendingenwe yintoni kakade ukude ndigwadle nawe iindaba zobudoda ezifuna ucamngco ungumfazi, ude wangathi uthe chatha kwabanye abafazi ngokuthatha kade. Andikuqondi, ungumntu lo ongathi uthe phithi iingqondo kungenjalo zibe ziphala kwesikaBhadakazi.

    MAMNTAKWENDA: Hayi se’ kaBhongo musa ukundinyhukutyha ndibuza, kaloku mna xa ndisenkonzweni nokuba yeyomngcwabo anditoliki ntshumayelo igwenxa yomshumayeli, qha ndizama ngako-konke endinakho ndim . . .

    ZINZO: (Efutheka ngakumbi) Ewe kaloku, soloko nizincumele ezi ntwana xa zigempeza kula maqonga. Ungafika nibobotheka nizibuka ningamamelisisi naloo nto ziyithethayo. Ndayiphawula kudala loo nto, kunjalo nje nawe ndiyakubona ukuba sowufuna ukuphutshuluka umsila. Lu mka! Eli gosana lenu, mandikuxelele mna, ndi ya kuze ndilithobe kwelo qonga ngentong’ am, ndifung’ amaQadi. Ukuba kuphelele kuloo nto, ndakukhupha nakuloo cawe.

    MAMNTAKWENDA: (Eqhwaba izandla kukukhwankqiswa) Yeha ke bawo! Uyawa kuza kulo mzi ungena nja. Uthini ukundizigonyamela ngomzuzwana. Sowundirhintyela nje bendenze ntoni? Undomba nje ka nti ujonge ukundiqwenga?

    ZINZO: Ndaphendulana nawe ngoku sowutsazise imixhadana nje okwentshontsho elomiweyo? Andithi ndikuxelela ngezi ncekwana zenu zale mitshotsho yenu nezi mbutho zenu? Ukuba usezingqondweni ke uyithatha njani into yoku-ba athi lo mfo (emlinganisa), ‘Umqhiqhibala weqaba wakufundiswa uzibona nawo sowukhucuke imbola ungugqirha?’ Mandibimbilize nje khon’ ukuba sekusithiwa ndingumqhagana ocholachola amabibi ale lokishi?

    MAMNTAKWENDA: (Kungena uCirha) Owu wanceda ufike tat’ uCirha ungene, ndixakene no’sekaBhongo apha kule ndlu. Nawe uyazivela.

    CIRHA: Khanithothe kancinci bethu nithobe igazi, lakubila lixhophoze ngolu hlobo, litshisa kabuhlu ngu. Khawundixelele ke mmelwane ukuba yi mpilo na le athi uNkosikazi wakho, umama uTsontso, mandiyibuze?

    ZINZO: Cirha, meli wam, mandikuphe le nto: Apha ebomini nasentlalweni yethu kufuneka uthi ungumntu ube nengqwalasela yezinto, iliso eli lakho liphale kakhulu kuba asilo lizwe eli. Akungqini njalo nawe phaya enkonzweni ubile xhopho ngathi uthena iimpuku? Undibona ndi xhaphe amagwebu nje apha emzini wam, ndiza ma ukululeka lo mfazi wakowethu ngamazwi engqondo nobulumko. Ndimvula amehlo ukuba anibone ubuze benu naphaya emaqongeni la nidakasa kuwo, nto nje ndonganyelwe ngumnqantsa wokuthungulula. Ubukho bakho ngoku bundingenise kummango kaXakeka. (kungena uPozina)

    CIRHA: Andikuva kakuhle ke ngoku Qadi.

    POZINA: (Ebaxhawula ngezandla) Molweni bethu! Bhuti umlumkele ubhuti Cirha lo angakuguquli ndi dibane nawe sowuleliya ikholwa.

    ZINZO: Ndiguqulwe ngaba xam baqubha imihla nezolo emanzini eziziba kodwa baphume bangene esixekweni besavathe amaxolo entsente? Unotshe! Ndimamela kuphela elaa xhego lo mfundisi lona lithetha into yengqondo, elingahoyanga unobenani welokishi. Aba Cirha ungena ndibatyhilela obu bubhedengu babo; abathetha eli xa bemi phaya ze bakusithela ekhusini bavuke nelinye. Ndibabone kakuhle, kwaye ndiza kubabhenqa indim nje.

    CIRHA: Ungeva ezi zinto zithethwa ngumeli wena Sajini. Nivuswa njani kodwa?

    ZINZO: Nantso ke kuphela into abayincwasileyo, bika nje ukungaphili okuthile, sebekunqwenelela imvuselelo yokukugxoga ngezinyeliso besekeleze ukuba ulahle loo nto ubuyenza bazithathele.

    CIRHA: Uyasenza noko Qadi. Uthi ke uya kuze ushumayele xa unezi mbono

    Enjoying the preview?
    Page 1 of 1