Discover millions of ebooks, audiobooks, and so much more with a free trial

Only $11.99/month after trial. Cancel anytime.

Izinto zehlabathi
Izinto zehlabathi
Izinto zehlabathi
Ebook61 pages25 minutes

Izinto zehlabathi

Rating: 0 out of 5 stars

()

Read preview

About this ebook

Le yincwadi yamabali amafutshane mpela. La mabalana aneendawana eziqhulayo agxile kwizinto zemihla ngemihla, nesiziva ezindabeni koonomathotholo, oomabona-kude nasemaphepheni kodwa zingeselwa liso ncam luninzi lwethu. Ezinye zazo sizibona sisenzeka imihla nezolo emakhaya, ezicaweni, ezikolweni, nasekuhlaleni, nto nje kusukwa kuncokolwe nje ngazo, kuhlekiswe, kube kugqityiwe. Amanye alamabalana agxile kwimbali yethu, ngenjongo zokuyigcina iphila nakuncwadi. Le ncwadana izama ukuchithisa lowo uyiphetheyo isizungu, kodwa ngaxeshanye ibe ineemfundiso ezithile.

LanguageXhosa
Release dateSep 11, 2018
ISBN9780463901724
Izinto zehlabathi
Author

Zongezile Matshoba

Uyakumfumana uZongezile Matshoba kwindawo ekufutshane nawe, nokuba kuseMdantsane, eRhini, eGugulethu e-Bullhoek, njalo njalo. Wodibana naye ebile esoma, esikolweni, eholweni, elalini, elokishini okanye ethafeni elimgquba-gqubana, ukuba nje apho kukho umnyhadala wababhali, uncwadi okanye kuxovulwa isakhona sabantwana be-Afrika ukuba nabo batshatshele ekufundeni, ingakumbi ngolwimi lwabo. Uncwadi lwakhe luzoba ngendlela enobuqhuza amahla ndinyuka uluntu ingakumbi elomzi ontsundu olujamelene nayo kulomhlaba umagad’ahlabayo. Konke oku iinjongo ikukhangela ukuba njengokuba kuculwa kalusizi u-Ndiyakulangazelela Jerusalema, iphelelephi na yona laa Kanana yobusi nobisi.

Reviews for Izinto zehlabathi

Rating: 0 out of 5 stars
0 ratings

0 ratings0 reviews

What did you think?

Tap to rate

Review must be at least 10 words

    Book preview

    Izinto zehlabathi - Zongezile Matshoba

    Kuyagwetywa

    Ingene igxalathelana imiphefumlo ezulwini. ‘Hayi bo,’ ikhuzile eminye imiphefumlo ekudala ilapho. ‘Nisuka phi nibaninzi kangaka nje?’ Kubuzwene yimiphefumlo. ‘Nicinga ukuba kuyagwetywa?’

    ‘Yho, aniyazi into nina! Imbi into ephaya ezantsi emhlabeni,’ utshilo omnye umphefumlo waleyo ifikayo. ‘Sisuka eMzantsi Afrika!’ Udanduluke watsho omnye. ‘Kow-u-u-u!’ Wothukile omnye, wamemeza. ‘Heyi, Mandela, khawutsho, kanti kwenzeka ntoni kwela lizwe lakho?’ Ubuziwe okaMandela. ‘Awu, ndilapha kunye nani nje, ndiyazi njani?’ Uphendule ngombuzo. ‘Kulungile, masive ngabo’. Kuthuleke kwee cwaka, kumanyelwe.

    ‘Thina sihlelwe lilishwa laseMarikana.’ Itshilo imiphefumlo engaphaya kwamashumi amane.

    ‘Thina sibuya eSidimeni.’ Yolekile imiphefumlo engaphaya kwekhulu elinamashumi amane.

    ‘Thina sibuya kwaMancoba, eNgcobo.’ Ibe kwaseso kwimiphefumlo esondeleyo kumashumi amabini.

    ‘Thina sisinde kooGawulayo nezinye izinto zehlabathi, suka sanelishwa yelestorisisi! Ngoku kuthiwa masingatyi oonkqiyoyo neekota, kodwa bagqiba kunyusa irhafu,’ itsho inkwinikiza emitsha imiphefumlo engaphaya kwewaka elinamashumi asixhenxe onke.

    ‘Intoni? Yintoni ngoku leyo, nithi ngusisi otheni? Kanti kuphethe bani ngoku eMzantsi Afrika?’ Izive sele ibuzana yodwa yonke loo miphefumlo kudala isezulwini. ‘Yho, yho, yho!’ Iqhwabe izandla kukumangaliswa yakuva impendulo. Loo miphefumlo ijike yajonga kokaMandela, izama ukuqonda ukuba okaMandela akanakuthetha noSombawo amkhulule emva kweminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ukuba aphinde ayokuhlangula abantu bakhe bengekapheli.

    Andiyi esikolweni

    USizakele akasakhumbuli tu ukuba kwenzeka ntoni, okanye wangenwa yintoni. Ubuthi wakumbuza ngesikolo, suka kube mnyama thsu. Into asayikhumbulayo, lelaa xesha wayesengumntwana. Bekuye kuthi ngeemini ezinethayo, kutsho kwa umama wakhe ukuba akanakulunga ukuya esikolweni.

    ‘Awuyi ndoda ke namhlanje esikolweni,’ ebesiva kamnandi uSizakele akutsho umama wakhe. ‘Uza kunethwa, ube manzi, ubuye ugula.’

    Umakhulu wakhe wayejonga nje suka anikine intloko.

    ‘Eyona nto awuz’ ukuya esikolweni xa ubizwa, uthi makuye mna,’ ube bubhomboloza atsho umakhulu wakhe kwintombi yakhe, de abe nayo nendawo eqhwaba izandla. ‘Ndidiniwe mna kumana ndimaya-mayaza phaya, ndifakwe ekoneni ngabaa titshala, bebona apha ebusweni ukuba liqhinga nje eli ndibaxelela lona.’

    Uhambe wahamba uSizakele, wavukwa ngawakhe amacebo. Ebesuka athi nangemini elibalele ngayo, avuke sele ekhohlela ngolona hlobo. Ebegada umama wakhe ngoku engekahambi ukuya etorhweni.

    ‘Yho, awuseshushu mntanam, imele ukuba uza kuba nomkhuhlane.’ Ebesitsho umama wakhe, ebeke isandla sakhe ebunzini likaSizakele. Urheme ube thatha ngokunqwala. Khwasululu uSizakele, nje ukumka kukamama wakhe.

    ‘Heyi wena Sizakele, ndanditheni kuwe ngokudlala ngamanzi? Khona, ubungaguli na ngoku, ngoku, ngoku?’ Ebenqanda enqandile umakhulu, suka uSizakele athi ekule, abe ekuleya.

    Mbone

    Enjoying the preview?
    Page 1 of 1