Discover millions of ebooks, audiobooks, and so much more with a free trial

Only $11.99/month after trial. Cancel anytime.

Iliwa libhek’ umoya
Iliwa libhek’ umoya
Iliwa libhek’ umoya
Ebook45 pages6 minutes

Iliwa libhek’ umoya

Rating: 0 out of 5 stars

()

Read preview

About this ebook

Ndithabath’ usiba kuba ndichukunyiswa ziimeko neenkxwaleko abathi badibane nazo abantu kulo mhlab’ umagad’ ahlabayo. Oonozala baqamela ngeenyembezi kub’ ikat’ ilel’ eziko. Wachithek’ umzi wazintsaba zahlukane kub’ umbundane udle de yangugelekeqe. Apha ebomini xa uthe wanyamezela uvume ukuba ngumthi ogotywa uselula Ikamva lakho liyaqaqamba de liqhakraze. Umzali ubonakala enegalelo kwanenxaxheba ekwakheni Ikamva lomntwana. Udlala indima enkulu ukululekeni umntwana. Sibona abantwana begcwele ezitalatweni ngenxa yokungabikho komzali. Xa kusifa intaka endala amaqanda ayabola.

Kule ncwadi kukwaxhotyiswa uluntu ngobungozi bobhelu lomsele kuba lungudl’ omdlayo. Kukwavezwa nendlela apho athi abekwe amabala esonyeliswa ngayo lowo uthe waba yinkokheli engqongqo. Inkokheli ibonwa ubunja nentw’ engento ngabantu abayijongele phantsi.

Aph’ ebomini kukho izinto ezibangel’ umtha wedolo kwabo baziphethe ngokungenabatha. Kukho abantu abangenalusini, abasimilo sinemihlisela. Le ncwadi ibethelela uluvo lokuba xa abantu benokuba ngamaphuth’ ahlathinye, bakhothan’ amanxeba, bangasichila nasiphi na isichotho esingxamele ukutshabalalisa ikamva labo.

EMbo mz’ ontsundu, midaka yakowethu. Zemk’ iinkomo magwalandini!

LanguageXhosa
Release dateSep 5, 2018
ISBN9780463109557
Iliwa libhek’ umoya
Author

Yonela Thengimfene

NdingumXhosakazi oluthandayo ulwimi lwenkobe. Apha ebomini ndingakholwa ukuba isizwe esintsundu singabuyela eMbo, siqiniseke ukuba isintu nesithethe zizinto esigxila kuzo khon' ukuze abantu bangayilahli inkcubeko yabo. Ndingumntu ozingcayo ngolwimi lwam. Ndikhuthazeke kakhulu ngumama wam ondizalayo, uMam' uNomini Thengimfene ohlala ethetha ulwimi lwenkobe. Ndithe ndiselula ndafunda nto kuye. Kum ndiye ndazingca ndathwal' intshinga ngolwimi lwenkobe. Ndafumaniseka ukuba awungomntu ngaphandle kolwimi lwenkobe. IsiXhosa sithi ungalahl' imbo yakho ngophoyiyane. Ndifun' ukuthi singamaXhosa masingaphapheli ulwimi lwaseNtshona. Masizingce ngesiXhosa sethu.

Related categories

Reviews for Iliwa libhek’ umoya

Rating: 0 out of 5 stars
0 ratings

0 ratings0 reviews

What did you think?

Tap to rate

Review must be at least 10 words

    Book preview

    Iliwa libhek’ umoya - Yonela Thengimfene

    Enjoying the preview?
    Page 1 of 1