Discover millions of ebooks, audiobooks, and so much more with a free trial

Only $11.99/month after trial. Cancel anytime.

uZwelinjani
uZwelinjani
uZwelinjani
Ebook163 pages1 hour

uZwelinjani

Rating: 0 out of 5 stars

()

Read preview

About this ebook

Le ncwadi uZwelinjani iphuhlisa ukuthi kubomi bomntu ngamnye ifuthe lokungqongileyo (Environment) lunenxaxheba enkulu. Ikhaya akhuliswe lilo umntu, indawo akhulele kuyo, abantu akhule nabo nesigqibo sakhe ebomini zizinto ezimkhokelela kwinto ahambe abe yiyo umntu elizweni.

LanguageXhosa
PublisherVia Afrika
Release dateSep 26, 2017
ISBN9781415452400
uZwelinjani

Reviews for uZwelinjani

Rating: 0 out of 5 stars
0 ratings

0 ratings0 reviews

What did you think?

Tap to rate

Review must be at least 10 words

    Book preview

    uZwelinjani - TT Mabeka

    Tyhini hlenje kanti madoda le nkwenkwe yingcibi!

    "Tyhini, yhini bantu bakowethu! Nithi lo mntwana akabulawanga? Yhini uVububi ezilungele kangaka, angathini ukuzala isimanga somntwana onje khona ukungeva? nguNohange inkosikazi yamaQithi akwaMbola kwesikaTabata kuNdlovukazi.

    Hayi wethu sisi lo mntwana ufuze into ehleliyo. Waphendula watsho uNozimanga udade boyise kaZwelinjani. Uyakhumbula ukuba ubhuti engekagqobhoki, enxila, ebesenqandwa yiparafini kuphela. Ndladiya yakwabani! Ootata babexoxa bexoxile amatyala awayensenziwa ngubhuti kwelikhaya. Sela lakwabani! Ukususela ezinkukhwini, bhokhwe, gusha, ebenqandwa yihagu yodwa, mhlawumbi wayesoyika isililo esibi sesililakubi.

    Yhu hayi ndiyaqala ukuyiva le yona into oyithethayo. Kunjalo nje ingaphaya kwam xa ungenantloni ukumaneka umenze njalo umntu wenkonzo ohloniphekileyo noziphethe kakuhle kangaka. Uhambise watsho uNohange.

    Uphendule uNozimanga wathi Sisi inokuba ulibele ukuba besithetha ngoZwelinjani, ke ndicacisele wena ukuba umvundla uzeke indlela, umntwana ufuze into ehleliyo, ndisazi ukuba nanggliphi na ixesha angaguguquka uZwelinjani. Ndifuna ukuba ungamthathi kakubi wazi ukuba naye angaguquka abenjengobhuthi. Asikuko nokuba ukwenjenje oku ndaneka ubhuthi, hayi!

    Nkqo, nkqo, nkqo, nkqo . . .! Yingxolo yantoni na le emzini wam? kungena uMajongwayinjinga sele enuka irhewu lesintu, engena engathi uyatyhalwa ngemva apha.

    UMajongwayinjinga lo ngumyeni kaNohange. Unguyisemncinci kaZwelinjani. UZwelinjani kaloku walunyulelwa apha kweli khaya esaphila amaxhego. Kungoku nje asithela, sekusele uMajongwayinjinga, umninawe kaVububi, ome lo mzi.

    Tata kaSingilizwe, khawukhe uhlale phantsi umamele, ndinento endikhathazayo apha. Makhe ndiziyeke ezakudala izinto, ndiqalele kule veki iphelayo. Uyakhumbula apha ukuba bekufike uNogqongoza esithi unqikelwe lo mzimba ungezantsi nguZwelinjani? Utshilo uNohange efuna ukukhupha le nto isesifubeni sakhe imtyayo.

    "Kahle mfazi, akukho lungwana apha ekhaya eliza kukhatshwa ngumhluzana, nditshile mfazi kule migidi yokuphuma kwala makhwenkwe. Kaloku mna mkam ndiyimpulakalujacu, inja ezikhotha amanxeba. Ndivinjwe nguMamtolo inyama ndiyibona, yasuka le Mfengukazi yayophula yayibeka phaya inyama ivethe obenja.

    Soze ndiyibone iMfengukazi apha kowethu, Ma Dadethu! Ndifuna ukuyimamela kakuhle le nkcazelo ndisitya igqesha elibomvu emzini wam".

    Tata kaSingilizwe nceda Ndinga, khawuphulaphule, ufike kakuhle abantwana bephaka, baza kukuzisela. Le nto iyawuhlupha umphefumlo wam.

    Thetha mfazi ndiphulahule, utshilo uMajongwayinjinga esemdleni ngoba ebeyithanda le nkwenkwe ebisel’ineminyaka elishumi elinesihlanu izelwe, uZwelinjani lo.

    "Bendisatsho yise kaSingilizwe akaphelelanga kwesi sigezo asenze kuNogqongoza, ufikile apha uTatatyi esithi le ntwana itiye ipesika zaphaya emaMpingeni yophula nemithi. Uyamazi ke uBusika ixhego laphaya sel etotoba. Kuthiwa ke uthe akuza kula makhwenkwe akhupha iimela onda ngaye, iphambili le yalapha inkwenkwe. Uzincede ngokukhwaza ezibika ebiza abantu ukuzophula kwezo mela. Uthi ke uTatatyi ibingenamsebenzi into yokutya kwamakhwenkwe iipesika, kodwa le yokufunza egageni kuyise ngemela yiyo embangela ukuba athathe unyawo. Enye into abaninawe bakhe bafungile bakuyiva le nto besithi uyise soze athi ekwaluphaleni kwakhe enziwe isigculelo kule lali ngamakhwenkwe. Into endoyikisayo ke Ndinga, (ngoba ebesakutsho uNohange xa ebiza umyeni wakhe ngentlonelo) bakhohlakele oonyana bala mazi bebuya zonke iimpela nyanga. Abayiyeki into eyehlele uyise ihambe yodwa ingenampindezelo nanini na!

    Ndiyazibona zonke ke ezinye izinto ezi azenzileyo lo mntwana, kodwa le yona indibindileyo yile yokugqibela ibize kubikwa nguMammiya. Wathi akutsho ze waxa iinyembezi, wathi ebesoloko ethetha emi ngenyawo wahlala phantsi, wazibeka ebusweni izandla, walila kabuhlungu iinyembezi zityhoboza phakathi kweminwe.

    Wamane ebhodla uMajongwayinjinga kucacile ukuba umqhele ubuyela apho ubuvela, sele ewakhuphe onke ngathi yindubula, emana encwina. Kwakucacile ukuba nakubeni nje enomdla wokuyiva le nto yayiza kuthethwa nguNohange wayeyoyika kuba kwakubonakala ukuba yinto ngobunto bayo.

    Apha tata kaSingilizwe kufike uyise kaNongetheni ngokuhlwa izolo sisandla kudla isidlo sangokuhlwa. Sithe sakumncina imvelaphi wathi uhambele eli khaya ngesenzo esenziwe yinkwenkwe le yasekhaya apha uZwelinjani waye sele evela esibhedlele eKomani apho amshiye khona unyana wakhe elalisiwe esibhedlele apho.

    "Uthi kutheni? Wenzakaliswe nguZwelinjani? Ngantoni? Nini na? Ulandelise ngemibuzo wenjenjalo uNdinga, umQithi omhle engathi loo mehlo akhe makhulu mahle aza kudubula aphume ngumothuko.

    Hayi Sophitsho andingetsho kuba uyise kaNongetheni uthe le nkwenkwe yalapha ibifunda ukwalusa kule yakhe yayenzakalisa ke kuba ingazi nto ngokwaluka ingazange yoluka nayo.

    Tyhini! Uthi kutheni? Wabuza ngoku uSophitsho sele buswabulukile ubuso izidlele zileqa iindlebe luncumo. Yenzeka indaba! Nanditshilo! Soze kuthi kanti kulo mlibo wakowethu ingcibi soze ibekho. Maa – Dadethu! Bungene ubutyebi kweli khaya. Inene siphumile namhla ezintwaleni, ingene intaka endlwini. Kwezi ngcibi zinqabe olu hlobo, zinolunya kuba umntu esazi ukuba nguye yedwa ingcibi. Le nkwenkwe iza kubizwa nganeno naphonoshono kweNciba. Kufuneka ndiyifunele ihashe. Kwesi sithuba uhluke waqethuka uMajongwayinjinga iinyembezi zisihla izidlele kwatsho kwakhululke azonke iintunja zomzimba into ke leyo etsho kwangathi kungene inkunzi yeqaqa endlwini. Ugigitheke wenjenjalo emane ekhuza esithi, hlenje kanti sihleli nengcibi kweli khaya, kanti sizele ingcibi kulo mzi kabawomkhulu?

    Ngeli thuba lonke uNohange umthe ntsho ngamehlo umyeni wakhe othukile ezibuza imibuzo engenamphenduli. Angathini uyise kaSingilizwe ukuyivuyela into enje? Inkwenkwe engolukanga ikhe ibe yingcibi na? Uthini ngetyala eli eliziswe kulo mzi? Makhe simshiye uNohange enale mibuzo esingazi kakuhle nokuba iza kuphenduleka na.

    UZwelinjani ngumntwana owaye ehlakaniphile kakhulu ebukhali ezifundweni zakhe esikolweni, ethandwa ngendlela engummangaliso ziitishala zakhe waye ethandwa yilali ngoba waye engumntwana othumekayo nosoloko ekhululekile. Isikhwasilima saye sisinye kuye ikukuthanda ukubetha kwabanye abantwana nemikhwa yobukhwenkwe awayeyenza ngendlela engaqheliseliyo nengaqhelekanga. Ubeyenza ke mfondini umntwana womntu into elumezayo kwamanye amakhwenkwe kutsho kukhuze obengekho ungazi ukuba kubekele phi na kobekho. Inkwenkwe indwebe oku kwe esile lasendle. Ayingomendu litshabanqa uyishiya indoda angayiboni ibizimisele ukumluleka ngesenzo asenzileyo. Ube ethandwa kakhulu ngamnye amakhwenkwe kuba waye enobubele engenanzondo qha ke umcimbi ube ewulungisa ngale ndlela uza ngayo wokuba bengamakhwenkwe, ethanda nokyinqandela inkwenkwe eligwala kungadlalwa ngayo ngamanye amakhwenkwe. Ulincoko elithanda ukubalisa, eli ciko ezixuba, ngamanye amaxesha ezenza iindaba ezi ukuba zibe nesongo. Nanko ke mfundi umzukulwana kaMbola. Kuyacaca ukuba uZwelinjani ngumdlungu odlekayo.

    Lo mntwana wakhula ethandwa ngamaxhego eli khaya ngoba walunyulelwa kuwo. Kudala, phofu kweminye imizi kusenjalo nanamhla oku, umntwana wamazibulo wayethathwa nguyise omkhulu abe ngowabo. Kaba njalo nalapha kuZwelinjani. Athi ke akusweleka amaxhego sele eneshumi leminyaka ubudala akabi nakuhoyeka kakuhle kweli khaya lo mntwana. Phofu ke lo mntu wayembukula lo mntwana nguNohange naye phofu esenziwa sisifo esingumona esasimdla kuba lo mntwana wayeqaqambe kwinto yonke ngaphezu kwabantwana bakhe. Kwaya kusanda ukumphatha kwakhe kakubi lo mntwana de nelali le yabona. Abanye ke bemxelela lo mntwana ukuba akangowalapha besitshobemolathisa uyise ncam into ke leyo eyaba ntsha kuZwelinjani kuba wayezazi engumntwana wasekhaya apha. Waya naye watshintsha esimilweni waba mntu wumbi. Sele kuyiminyaka emihlanu ngoku washiywayo ngamaxhego uZwelinjani. Ngeli thuba uNohange abalisa ngemikhuba nezenzo zakhe ukwamanye amakhwenkwe bakhaba ibhola.

    Eli khaya yaye ilikhaya elifumilyo lifudumele esphila amaxhego. Kodwa ke athi akusithela zawalandela izinto zawo ngoba wena xa sithethela phantsi uMajongwayinjinga lo waye linxanwa lomfo eyithand akakhulu le mpi yasegoqweni. Ezinye izinto ezinjengegusha neenkomo waye ezithengisa ingaziwa imali yazo ukuba usebenze ntoni ngayo. Eli khaya ke ayilokhaya labantu abafundileyo. UMajongwayinjinga noNohange bayazibhalelwa bezifundelwa iincwadi zabo. Lo mzi unoronda ababini nekoyi ehlala iidyokhwe kunye namakhuba. Lo mzi wawuhlonitshiwe yilali ungasoze ufane ubone milo kuwo nazingxabano, kodwa ke namhlanje izinto sezajika nemilo seyixhaphakile ngakumbi phakathi koNohange noMajongwayinjinga.

    Abantwana bakaMajongwayinjinga bathathu, nguSingilizwe inkulu yakhe, yalekelwa nguNolizwe intombi, kulandele inkwenkwe uCandulwandle. Aba bantwana kweli khaya bane ngo Zwelinjani. UNozimanga yena wayndile waza woyiswa kukwenda wabuyela kweli khayal. USingilizwe sele ingunyaka wesithandathu lo wemkayo. Kwafika abelungu bebonisa umfanekiso banyabhanya wakwaVezamafa wenkomponi zamalahle. Kuthiwe ke wathi akubona ezo zixiki-xiki zenyama ezaziphakelwa loo mabixi-bixi amadoda asezimayini akabi nakunyamezela wajoyina. Wayeyithanda inyama efuz’uyise uMajongwayinjinga. Ngoku ke utshiphile kwezo mayini zamalahle akasabhali nokubhala, akathumeli nanto oko wemkayo. Amaxhego esweleka nje usebuhili-hilini. UNolizwe yena uyintombi ehleliyo apha ekhaya woyiswa sisikolo kwincwadi yesihlanu. Intombi ibilukhuni ezifundweni yaza ngeempembelelo zikanina owayebona ubunzima ebuthweleyo esikolweni yayeka. UCandulwandle waezolile elungile bevana noZwelinjani ngendlela engenakungenwa mntu.

    Besishiyene

    Enjoying the preview?
    Page 1 of 1